Ushiye umzila uMatshayana kwisikolo iClackburry eNgcobo
Uzibekile intambo obesakubayiNqununu kwisikolo samabanga aphezulu iClackbuurye Ngcobo. Oyinqununu uMatshayana uthe wathatha umhlala phantsi emva kweminyaka ekhokhele kwisikolo esi. Isikolo sase Clackburry sithe saneziphumo ezihle iminyaka ilandelelana ngenxa yesikhokhelo sika Matshayana. Igalelo lakhe kwisebe lezemfundo aliyakulityalwa. Inkulumbuso Ye Phondo Le Mpuma Koloni obekwkileyo uOscar Mabuyane ubeyinxalenye yalomsitho kuquka uSodolophu womasipala iDr Ab Xuma uZangqa. Isirhulumente sonke sikuthakazelele ukubhiyoza noMatshayana. Abafundi besikolo bebenyembezana bedlulisa izipho kwinqununu yabo.
UAqhama Mathwa uthi ufunde lukhulu kutitshala wabo kuba ebengumntu ebencekelela kakhulu ebaxelela mihla yonke ngokubaluleka kwemfundo, usifundise izinto ezininzi wasenza saziqhenya ngesikolo sethu. Kulona unyaka abafundi besikolo esi nabebesenza ibanga leshumi babuye no 98 pesenti ntoleyo.
OyiNkulumbuso u Mabuyane uthi umzila oshiywe ngulo ka Matshayana kwisikolo esi awunakulobaleka. “Sinebhongo neqhayiya ngalendoda iwenzile umsebenzi yawugqiba tu okwayo ngoku kukuba iyofuya emzini wayo, ukumnkelwa ngumntu ebewazi kanje umsebenzi kuvele kubengase angaqhuba de kubesekupheleni kodwa wonke umntu uyadinga ukuphumla emva kokusebenza,“utshilo uMabuyane. Zonke inkokheli zinqwalile kumsebenzi ka Matshayana.