Iqela lase Duncan Village eMonti, iFuture Boys FC yenze imbali eGcuwa
Emva kokuba ibethe yagqugqisa onke amaqela ebikhuphisana nawo kwindebe ebizwa U/17 Nozulu Youth Legacy Cup ebidlalelwa ukuqala ngoLwesihlanu uyokuma ngeCawe. IFuture Boys FC igoduke iphethe imali engange ten thousand rand emva kokuba ibethe iMnquma Hotspurs FC ngo1-0 kumdlalo ububanjelwe eWalter Sisulu University kwiKhampasi eseBika ngeCawe. Ibikokuqala ezimbalini zale tumente ibanjwa rhoqo ngonyaka ukuba iphunyelelwe liqela elisuka ngaphandle eMnquma. Ibingunyaka wesithathu isindlekwa iNozulu Youth Legacy Cup kwaye kwiminyaka emibini edlulileyo yaphunyelelwa yiFC Tshabalala yaseGcuwa kunyaka olandelayo yawinwa yiYoung Stars FC yelokishi yaseMchubakazi. Kodwa kulo kunyaka kwenzeke into eyothusayo xa iFuture Boys FC ifike yabethwa kwanto phambi kwayo yemka nemali, indebe enkulu, ikiti entsha kraca, iibhola neembasa zegolide. Wonke lomabhaso iwafumene kuba izintshatsheli zalo nyaka zeNozulu Youth Legacy Cup.
Umqeqeshi we Future Boys FC, uLuyolo Lekwe uthe bachulumance kakhulu ngokuphumelela kwabo le tumente njengoko bebeqala nokudlala kuyo. “Ndingatsho ndithi sonwabile siyavuya kwaye ndibulela abadlali bethu abadlale ngokuzithemba nokuzinikela kule tumente ibinzima kangaka,” kutsho Lekwe. Uthe kule tumente baze bezilungiselele ngokwaneleyo kwaye nabadlali bakhe bebelungele nayo nayiphina imicelimngeni abanokuthi bahlangabezane nayo ebaleni. “Abadlali bethu besibaqeqesha kabini ngemini ngexesha silungiselela le tumente kuba besiyazi ukuba sizakudibana namaqela adlalayo ngokuzimisela kwaye ndiyacinga lonto isincedile kule mpumelelo yethu yanamhlanje,” uqhube watsho. Ngamaqela alishumi elinesithandathu (16) ebekhuphisana kule tumente kwaye alishumi elinanye (11) kuwo ebephuma kwiMnquma local football association (Mnquma LFA) logama amahlani ebemenyiwe kwidolophu ezifana naseMthatha, Monti kunye nakwiphondo laseMpuma lana.
IMnquma Hotspurs FC, Future United FC, Centre of Excellence FC neFuture Boys FC ibengamaqela akwazileyo ukufikelela kumjikelo ophambi kowamanqam umdlalo. Kwindlela eya kumdlalo wamanqam, I Mnquma Hotspurs FC izibethele Future United FC logama IFuture Boys FC ibethe Centre of Excellence FC. Ngokubethwa kwayo iMnquma Hotspurs FC yi Future Boys FC kumdlalo wamanqam, iye yagoduka nemali engange five thousand, indebe, iimbasa zesilivere, iibhola kunye nezi hobo zokuncedisa xa kuqeqeshwa abadlali.
Lekwe uwancomile one Amaqela ebebedlala nawo kule tumente ngelithi adlale kakuhle kwaye abanike ubunzima kwimidlalo yonke nangona baye baphumelele ekugqibeleni. Bonke abathandi bezemidlalo eMnquma benephume ngobuninzi uzokuxhasa amaqela wabo kwaye bekukho nabo babesakuba ngabadlali kwiMthatha Bucks, Blackburn Rovers FC kwiminyaka eyadlulayo. Usodolophu womasipala waseMbhashe uSamkelo Janda naye ebeyizimasile lemidlalo kwaye ubulele kakhulu uLux Matikinca ngokuthi rhoqo esindleka le tumente.
UJanda uthe imidlalo iluncedo ebantwaneni kuba ibasusa kwiziyobisi nasetywaleni kwaye iqaqambisa nekamva labo banezakhono ezahlukeneyo kwimidlalo entlobo-ntlobo. Ebethetha ngaphambi kokuba kukutshwe amabhaso kule tumente emva komdlalo wamanqam. IMnquma LFA ivakalise uchulumanco kwigalelo lika Matikinca kwinzame zakhe zokuphucula ibhola ekhatywayo eMnquma kwaye unika nethuba abadlali abasakhulayo ukuba babonise ngeetalente zabo phambi kwabathandi bebhola kwaye abafumana nethuba lokubonwa Ngamaqela adlalayo kuPremier Soccer League (PSL).



