Uncategorized

Kusadingeka ubungqina be-DNA kwityala likaCwecwe

Yintatheli yeKhwezi

UMphathiswa waManina, uLutsha nabantu abaKhubazekileyo uSindisiwe Chikunga, umemelele ukuba kuthathwe iisampula ze-DNA kubantu abaninzi, kwityala lentombazana eminyaka esixhenxe eyadlwengulwa eMatatiele. Lo Mphathiswa ukweli phondo kwiinzame zokukhawulezisa uphando kulandela isikhalo esidlangalaleni sokungangxamiseki kwabomthetho ukuba baqwalasele eli tyala. Intombazana encinci yadlwengulwa ngoOktobha ka-2024, kutyholwa ukuba yadlwengulwa emabaleni esikolo. Inqununu eyacelwa ukuba inike iisampula ze-DNA kwabasemagunyeni ayzange ivume ukwenza oko kwaye endaweni yoko ibalekele kumagqwetha eqela le- AfriForum ngalo mba ngelizama ukuthintela ukutshutshiswa kwayo. Uluntu luye lwanxakama kuzwelonke malunga nesi sehlo. UMphathiswa uChikunga uthe abasemeagunyeni mabaphose umnatha wabo bandies uphando ngodlwengulo lwe ntwazana eneminyaka esixhenxe ubudala. Ukwathe kufuneka zithathwe kuye wonke umntu oyindoda owayedibene nalomntwana kusuku lwaphambi okanye ngemini yesiganeko. UChikunga uthe le ngqokelela ayizuphelela esikolweni koko wonke umntu onokuthi kanti wadibana nalomntana.

UChikunga uthi iingxelo zonyango zingqina ukuba uCwecwe wadlwengulwa kwaye kusenokwenzeka ukuba ayikokokuqala edlwengulwa. UMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu kwiveki ephelileyo udize ukuba uvavanyo lukaGqirha lubonise ukuba akukho DNA yomnye umntu ifunyanwe kwixhoba elineminyaka esixhenxe ekutyholwa ukuba lidlwengulwe eMatatiele kwiphondo leMpuma Kapa. Nangona kunjalo,emva kokuchongwa kwabarhanelwa abathathu abongezelelweyo, ezinye iimvavanyo ze-DNA ziyenziwa, kwaye iziphumo azikaqinisekiswa.