NDEVA ILIZWI LIKAMZALA WAM, NDALILANDELA UKUSUKELA IPHUPHA LAM
Ngu: Ntsikelelo Jonga
UNkszn Tshepang Moiko oyinzalelwana yaseMnt Fletcher uthi walandela ilizwi elaphuma kumzala wakhe; lizwi elo elalisithi kuye, “wena awusokuze ulambe kuba inkulu into oyiphathisiweyo nguThixo kwezo zandla zakho”. Uthi oku wakuthetha umzala wakhe emveni kokuba wayephulukene nomsebenzi wakhe, kwaye ecinga ukuba yintoni enye into awayenokuyenza.
“Makube ke ilizwi liyadala?”
Uthi ukhe wazama ukuzenzela ishishini lokuthengisa ukutya kodwa elo shishini alizange limhambele kakuhle, waliyeka. “Emveni kokuva elo lizwi, ndasebenzisa ukucinga, ndaza ndafumana isikhokelo engqondweni sento emandiyenze nendingazange ndayenza ebomini bam ngaphambili.” Uthi wazama ukuba makanithe, kodwa nalapho uye wangena kulamaqonga wonxibelelwano ukukhangela ukuba yintoni angayenza ngokukunitha (crouching)kwaye angakwenza njani ukuba kumkhuphele into. Uthi ke kulapho aye wabhaqa khona ezi ‘bags’ zinithiweyo. “Andizange ndanitha ngaphambili, kodwa ndiye ndazixelela ukuba ndizakufaka uxinezelo engqondweni yam lokuba mandikwazi ukuzenza ezi bags.” Uthi uye waqalisa ke ukuzifundisa ukunitha wakwazi, waza kamva waba uyazenza ezi bags. “Indlela yokwenza umfuziselo wasengqondweni (pattern) ndiyazicingela ngokwam, uchaze watsho uNkszn Mosenene. Uthi ukuqubisana nemeko yentswelangqesho kweli loMzantsi Afrika, oku uzimisele ukuba afundise nabanye abantu ukuncedisana nokususwa kwekati eziko.


