CommunityLocalNews

Kuqhutywa iphulo lokunqanda i-GBV emapoliseni

08 ISilimela 2023 – Monwabisi Khininda

Mthatha 

Ingingqi ye-OR Tambo ichazwe njengehamba phambili kwiziganeko ze-GBV ezenziwa ngamadoda kwabasetyhini ukuquka namapolisa angamadoda ekuchazwe ukuba ayabandakanyeka kulomkhuba. Oku kuvele ngethuba lengqungquthela yamadoda aphangela emapoliseni ebikhwetywe liqumrhu elibizwa iMen For Change elijongene nezenzo zempatho-gadalala emapoliseni kusuku lwangoMvulo kwi-O.R Tambo Hall eSouthernwood, eMthatha.

ULieutenant General Nomthetheli Mene uthethe wenjenje: “Kuzo zonke iiService Centre zethu sineGender Based Violence Desk ezijongene ncakasana namaxhoba wempatho-gadalala. “Kule ngqungquthela zonke iidistrict zephondo leMpuma Kapa emapoliseni bezimelwe kwaye kuye kwagxilwa kakhulu nakumcimbi wokunakekelwa kwamakhwenkwe azoyokwenza isiko lolwaluko kwelixesha lasebusika ngelithi amadoda mawathabathe uxanduva lokuwanakekela abonakalise ubuzali.” Kwelakhe icala uColonel Sivuyile Ngapi obethetha egameni leMen For Change uthe: “Umxholo walengqungquthela yamadoda ujongene ncakasana ekuvuseleleni izazela zamadoda aphangela apha emapoliseni ukuba aphakame alwe ulwaphulo-mthetho olusekelezelwe kwisini lokuxhatshazwa kwabasetyhini nabantwana kwiindawo abahlala kuzo.”

UDistrict Police Commissioner uGeneral Phumzile Cetyani uthe: “Kwilixa langaphambili sikhe sabanalo iphulo elalinomxholo othi “Thetha ndoda” ,nanjengoko namhlanje umxholo wethu usithi “Uphi ndoda” into endivuyisayo kukubona iholo ligcwele kangaka ngamadoda ntoleyo ethetha ukuthi eli phulo lanamhlanje lizobaluncedo kakhulu ekulweni lo mcimbi we-GBV”