Isebe lifuna izihlobo ziyofanisa imizimba
Yintatheli yeKhwezi
Isebe leZothutho eMpuma Kapa,lihlaba ikhwelo kwizihlobo zamaxhoba abandakanyeke kwingozi emasikizi eyenzeke eQonce kwihambo ebisingise eKapa ngoMgqibelo weveki edluleyo,ukuba zize ngaphambili ukuzofaniisa imizimba.Oku kulandela ingozi eyenzeke phakathi kwetekisi kunye neveni kuhola wendlela u-R63 ngaseMaqoma (Fort Beaufort) malunga nekhilomitha ezingamashumi asithoba ukusuka eQonce,nethe yasuba imiphefumlo elinesihlanu.Ingxelo yamapolisa ithi umqhubi weDouble Cab engquzulene netekisi yohlobo le-Quantum nabo babhengezwe njengabatshabileyo betshabela kwindawo yexhwayelo.Abntu abathandathu abonzakeleyo abebekhwele kwiQuantum babalekiselwe kwisibhedlele sephondo ukuze bafumane unyango,phakathi kwabo kuye kwabhubha xa befika esibhedlele bathatha inani lababhubhileyo laya kutsho kwishumi elinesihlanu.
Abantu ababhubhileyo basiwe kwindawo yokugcina izidumbu kaRhulumente iMaqoma,Iintsapho ezifuna ukuqinisekisa ukuba abantu ababathandayo bayabandakanyeka na bayabongozwa ukuba baqhagamshelane noCaptain Fete (SAPS Maqoma) -0820902742.Abasemagunyeni basebenzela ukukhawulezisa inkqubo yokuchonga nokubonelela ngenkxaso kwiintsapho ezichaphazelekayo.
Idokethi lophando livuliwe ukuze kwenziwe uphando oluthe vetshe nanjengoko bobabini abaqhubi bezithuthi zentlekele bebhubhele kule ngozi ehambisa umzimba.


