Abahlali badinga inkxaso yokuya etyaleni
Yintatheli yeKhwezi
Ligqithiselwe kwinkundla yaseRhini eMakhanda ityala lokubulawa kukaAnita Gigaba owadlwengulwa waze wabulawa umzimba wakhe watshiswa ngokungenalusini.Eli tyala liqale kwinkundla kaMantyi kwidolophu yase-Indwe.Abahlali base-Indwe bathi nakwelityeli basame nosapho lukaGigaba bazakulinika inkxaso engahexiyo.Eli tyala lizakuxoxwa kuleveki imiyo.Abahlali bamemelela uMsamariya olungileyo ukuba abancedise ngokwetha ipetrol ukuya eRhini nezinye izinto abazidingayo.
Omnye wamatshantliziyo ase-Indwe uMandla Cetywayo wakwa wadi-15 kwilokishi yaseMavuya uthi bengabahlali yabasisibhambathiso sokuba baxhase olusapho de libe liyaphethwa eli tyala,nanjengoko bengahambisani nokubulawa kwamanina nabantwana.Bakwathi abazukwazi ukuya kwezintsuku zonke nanjengoko bengenzo iintsiba.


