Crime & Safety

Ligwetyiwe ipolisa eladlwengula ummangali

Yintatheli yeKhwezi

Ipolisa laseKei Mount elifunyenwe linetyala lokudlwengula ummangali ngomnyaka wama-2022 ligwetywe iminyaka engamashumi amabini lithothoza emjiva.Ligwetywe kwinkundla yaseMonti.Eli polisa ebelityholwa lalingumcuphi wetyala lokubatha elavulwa ngummangali elivulela indoda awayencuma nayo ngeloxesha.Ummangali wayeyintombazana eneshumi elinesibhozo leminyaka ubudala.Ipolisa lalanda ummangali ekhayeni lakhe,lisenza ngathi liqhuba uphando,lamsa kwisikhululo samapolisa ummangali laza lamdlwengula.Uphando olwenziwa yi-IPID lukhokelele ekubanjweni kwelipolisa laze labekwa ityala lokudlwengula.