ABAQHANKQALAZI BAVALE U-N2 IIYURE EZININZI EGRABOUW BABEFUNA INKONZO ZOGUTYULO NAMANZI
Babefuna inkqubo yogutyulo namanzi. Abahlali baseKhoisan eKnoflokskraal bavale uhola wendlela uN2 eGrabouw ngengqushu evuthayo ngentseni yangoLwesithathu. Bamalunga namashumi asibhozo abantu abazibandakanya kolu qhankqalazo kwindawo ejikajikayo eHigh Rising, ngokokutsho kwesithethi samapolisa eNtshona Koloni uKapteni FC van Wyk. Itrafikhi yalibaziseka iiyure ezininzi. UVan Wyk uthe iGrabouw SAPS, iPublic Order Police Services, kunye nezinye ii-arhente zogcino mthetho ziphendule. Ngentsimbi ye-9:30am iqela “lalisasazeke ngoxolo” kwaye u-N2 waphinda wavulwa. Akubanjwanga mntu.

eKnonflokskraal ononikezelo lwamanzi olulinganiselweyo
kwaye akhukho zixhobo zombane okanye zogutyulo.
UDawid De Wee, umongameli weKhoi Aboriginal Party, uthe abahlali bafikelele “kwinqanaba lokuqhawuka” ngenxa yokungabikho kwamanzi. Abantu baqala ukuhlala kumhlaba waseKnoflokskraal ngo-2020 ngenjongo yokuseka uluntu lwamaKhoisan. Indawo yokuhlala ikhule kakhulu ukusukela ngoko, ngamakhulu, mhlawumbi amawaka, abantu abahleli malunga ne-1,800 yeehektare, kwaye behlala bengenawo umbane kunye nezibonelelo zogutyulo. Lo mhlaba uphantsi kweSebe leMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko ezinguNdoqo.
UDe Wee uthe impompo yamanzi iyekile ukusebenza ngenxa yokuba akukho mbane. I-GroundUp ayikwazanga ukumisela ukuba kutheni kungekho mandla. UMasipala waseTheewaterskloof ukhwelise amanzi ngeelori, kodwa “ancinci kakhulu”, utshilo uDe Wee. “Iimfuno zethu zicacile kwaye zilula: sifuna amalungelo ethu asisiseko,” utshilo uDe Wee. Ukwathe abanye abahlali baseKnoflokskraal bafake ezabo iitanki zelindle, kodwa ezi azikhutshelwanga ngumasipala.
IGroundUp ngaphambili inike ingxelo ngendlela abahlali baseKnoflokskraal ababeqhankqalaza ngayo ecaleni kuka-N2 ngenxa yamanzi kunye nogutyulo ngo-2023. UMasipala waseTheewaterskloof uthe kwingxelo yezosasazo igqiza likamasipala lidibene nabaqhankqalazi, “ababebanga ukuba umbane ubuyiselwe kule ndawo ukuze ukwazi ukufikelela emanzini”. Umasipala uthe intlanganiso icwangciselwe ukuphela kwale veki yokuhlanganisa abaqhankqalazi kunye “nabachaphazelekayo” ukufumana izisombululo ngoxolo. Umasipala uthe nangona “uxanduva lonikezelo lweenkonzo luxhomekeke kwiSebe lezeMisebenzi yoLuntu”, umasipala “uzibophelele ekubeni ngumthathi-nxaxheba osebenzayo ekuququzeleleni izisombululo”.

