Ubanjiwe owabulala abantu abathathu ngokutshisa iGali
Yintatheli yeKhwezi
UVuyani Langman oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala otyholwa ngokutshisa usapho lakwaMzendane uye wavela kwiNkundla kaMatyi eMdantsane.Abantu abathathu bosapho lakwaMzendane batshela ngaphakathi eGalini.Umntwana oneminyaka emihlanu (5),umakhulu oneminyaka engamashumi amahlanu anethoba (59) kunye nentombi yelikhaya ebincuma nalendoda,intombi le ineminyaka engamashumi amathathu anesithathu batsha babhubha.
ULangman naye usinde cebetshu ngethuba efuna ukuzitshisa naye kodwa uye woyisakala esazitshisa ngenxa yeentlungu zomlilo.Uzakubuyela enkundleni kuleveki ukuze afake isicelo sebheyile ngokusesikweni.IGunyabantu leZotshutshiso lithe lizoyichasa ibheyile.


UMFANEKISO: UVuyani Langaman owabulala abantu abathathu ngokubatshisa negali waze wazama ukuzitshisa naye usenkundleni yamatyala eMdantsane.Â

