Kubhaqwe izixhobo ezinobungozi kuQumbu
14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024Â
Intatheli: Monwabisi Khininda
Amacandelo amapolisa amabini iJoe Gqabi Tactical Response Team kunye necandelo elilwa ukuphangwa kwezithuthi eziphatha imali (CIT) abambe indoda eneminyaka engamashumi amane ubudala afumana imipu engombayimbayi, umkhono wekati kunye neembumbulu kwilali yaseMdlankomo kuQumbu, kutsha nje. Ngokutsho kwesithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo, umrhanelwa uzame ukubaleka ngethuba ebona amagosa akwantsasana kodwa wanqakulwa.
Ufunyenwe nompu oluhlobo lwe-AK 47 assault rifle, R5 rifle kunye ne 9mm pistol iinombolo zayo zikhuhliwe. Kukwafunyenwe nomakufanwe (uniform) yomkhosi we-SANDAF. Kukwabanjwe nabanye ababini,indoda nowasetyhini emva kwenzame zokuphazamisana namapolisa ukuba aqhube umsebenzi wawo agqogqe. Kulindeleke bavele enkundleni yamatyala kuQumbu kule veki, bejamelene nezityholo ezahlukeneyo.

