UMampane uthi wayekhusela ubomi bakhe
Yintatheli yeKhwezi
UMampane utyhilele inkundla ngokwenzeka ngaphambi kodubulo e-WSU. “Nantsi le nja inguMampane,khaba ucango singene.”La ngamazwi athi umrhanelwa kwityala lokudutyulwa kwabafundi eWalter Sisulu eMthatha, uManelisi Mampane athethwa ligquba labantu ababezogqume ubuso ngethuba eyohlaselwa ngomhla we-15 kuTshazimpuzi 2025.UMamapane ebenika ubungqina enkundleni yamatyala kwiveki ephelileyo ngethuba kuqhuba isicelo sakhe sebheyile.
INkundla ixelelwe liGqwetha lakhe uMncedisi Nombambela ukuba umpu kaMampane ngokayise ongasekhoyo kwaye unencwadi zawo,Uxelele inkundla ngokwenzekayo ngaphambi kodubulo olwashiya kubhubhe uSisonke Mbolekwa (24) owayengumfundi kweli ziko kwaze konzakala abanye abafundi. “Ndandilele endlini ekuseni ngethuba kuvakala ingxolo phandle.Umfazi wayokroba wabuya wandixelela ukuba kukho abantu abandifunayo abazogqume ubuso.Ndavuka ndayokroba ndabona abantu abazogqume ubuso abangamadoda odwa,omnye wayephethe itayala lemoto,” kutsho uMampane.
Uqhube wathi lamadoda akhaba ucango wabaleka waya kwigumbi lokulala eyothatha umpu.Uthe ngethuba ebuya lwavuleka ucango.Uthi injongo yayikubothusa babaleke kodwa imeko yayingavumi.Wadubula ehlangula yena nosapho lwakhe kuhlaselo.Uxelele inkundla ukuba isithuthi sakhe satshiswa kukho abantwana ngaphakathi.Bahlangulwa ngomnye umntu kweliqela nangona kwakukho ababesithi mabayekwe batshele emotweni abantwana.
UMampane uxolisile kwiintsapho zabantu abachaphazelekileyo esithi ukuba wayengadubulanga ngewayebhubhile.Ebuzwa liGqwetha lakhe ukuba iyaxoleleka kusini na imeko adubule phantsi kwayo.Uthe: “Nangona ndingawazi umthetho kodwa inkundla mayijonge imeko yam ngethuba ndihlaselwa.” Othethela iintsapho zabafundi uNcedo Kolanisi uthe: “Akukho mntu owakhaba ucango lwendlu,akukho nto yayophukile,abafundi babeye ngoxolo kuMampane.Bobuphi obubomi bakhe babusengozini?Kutheni exolisa kanti wayezikhusela?Amabango akhe abubuxoki.”Elityala lisaqhuba enkundleni kaMantyi eMthatha.

EMFANEKISWENI: Abafundi baseWSU nezihlobo zabafundi abadutyulwayo kuqhankqalazo olwaluqhubeka kweli ziko liseNelson Mandela Driva eMthatha.

