Crime & Safety

Uphinde wabanjwa uMvangeli Omotoso

Yintatheli yeKhwezi

Ukubanjwa kuka Omotoso akunxulumananga namatyala abejongene nawo waze wakhululwa kuba inkundla imfumanise engenatyala.UMkomishinala wamapolisa kuzwelonke uFannie Masemola uqinisekise ukubanjwa koMvangeli uTimoty Omotoso eMonti ,kwiveki ephelileyo,ukuba akunanto yakwenza namatyala angaphaya kwamashumi amathathu anesibhozo awaphuma engqawuza emva kokuchitha iminyaka esibhozo exoxa eseluvalelweni.

U-Omotoso wakhululwa kuwo onke amatyala aquka ukudlwengula,ukhuxhaphaza ngokwesondo,kunye nokurhweba ngabantu ngokungekho mthethweni ngo-Apreli walonyaka.UMasemola uthe u-Omotoso uza kuvela enkundleni kuleveki. “Ngale ntsasa ngentsimbi ye-05.00 eMonti amalungu esebe lezeKhaya ,abahloli bokufika ekunye namapolisa oMzantsi Afrika abambe uOmotoso edolophini kanye emva kwenkonzo.Uza kujongana nezityholo ezoyamene nokwaphula umthetho wokufudukela kwelinye ilizwe kwaye uzakuvela enkundleni kungekudala.”