Business

KUSONDEZWA IINKONZO ZESEBE LEZEMPILO ELUNTWINI 

UMphathiswa weSebe lezeMpilo kwiphondo laseMpuma Koloni, uNtandokazi Capa ukwiphulo lokusondeza inkonzo zesebe lakhe kufutshane noluntu ingakumbi olo lusemaphandleni. 

Kutsha nje uMphathiswa uCapa uye waphethula isoyi kwilali yaseCebe kuCentane ngenjongo zokuba kwakhiwe iziko lezempilo elizakubiwa iCebe Clinic kwaye kulindeleke ukuba yakhiwe ibekumngangatho ophezulu. 

Kwintetho kaCapa emva kokuba ephethule isoyi apho kuzokwakhiwa khona iKliniki, uye waxelela abahlali bakuCentane ukuba umsebenzi wokwakhiwa kwesakhiwo uzakuqala nini kwaye kulindeleke ugqitywe iyimalini ezakuchithwa kuwo. 

“Singatsho sithi kungekudala kulindele uqale umsebenzi wokwakhiwa kwale Kliniki yaseCebe kwaye sijonge igqitywe ukwakhiwa ngomhla wamashumi amabini anesithandathu ngoNovemba kunyaka u2026 (26 November 2026),” kutsho uCapa. 

Uthe kulindeleke ukuba ibekumngangatho okwizinga eliphezulu (new ideal clinic) isakhiwo seCebe Clinic njengoko izakuba nendawo yokuhlala abongikazi kunye neCandelo lezentlekelo (Emergency Medical Service satellite base).

Imali ezakuchithwa ukwenza umsebenzi wakwakhiwa kwale Kliniki iqikelelwa kwizigidi ezi R64,598,699.62 kwaye namathuba emisebenzi kulindeleke ukuba avele xa kuqhuba umsebenzi. 

Ukwakhiwa kwale Kliniki kuzaba luncedo kuluntu elikuCentane njengoko belifudula lityeka zidleka zokuya kwisibhedlele esifana neThafalofefe Hospital, bambi besiza Butterworth Hospital xa befuna uncedo kwezempilo.

Kangangokuba abanye bebetyelela namaziko ezempilo aseMbhashe ngenxa yokuzama ukufumana uncedo kwezempilo. 

Lonto ithethe ukuthi ukugqitywa kokwakhiwa kwale kliniki yaseCebe kuzaba yindzuzo kubantu abaninzi bakuCentane. 

Umasipala waseMnquma obeyinxalenye yalo msitho uvuye kakhulu kubona isebe lezempilo lisondeza inkonzo zalo ngaphantsi komasipala waseMnquma. 

Kwaye wonwabele nokuba uluntu luzakuxhamla kumathuba emisebenzi xa kusele kuqhuba ulwakhiwo lweCebe Clinic.

Photo Caption: Kuphethulwe isoyi nguMphathiswa wezeMpilo uNtandokazi Capa kwilali yaseCebe kuCentane apho kuzakwakhiwa khona ikliniki ekudidi oluphezulu.