USODOLOPHU UNIKEZELA NGEZIXHOBO ZOKUSEBENZA KUGATYANA
Ngu Anele Raziya –
Isikhululo sosasazo sasekuhlaleni, iMbhashe FM ezinze kuGatyana inephupha lokusasaza iphumele nakwindawo ezingaphaya kwengingqi yaseAmathole ngenye imini.
Lo mnqweno uvele emveni kokuba esisikhululo sisesitsha kumaza omoya siye safumana inkxaso yeezixhobo zokusebenza kumasipala waseMbhashe kwiveki ephelileyo.
Umasipala waseMbhashe ekhokelwa nguSodolophu uSamkelo Janda uye watyelela esi sikhululo sisasazela kwindawo yaseNqabarha kuGatyane nalapho ebeyokunikezela ngeezixhobo zokusebenza.
Ngaphambi kokunikezela ngeezixhobo, uJanda uye wenza intetho ethe nqabavu encoma indima edlalwa nguMbhashe FM ekuhambiseni ulwazi nokonwabisa uluntu ekuhlaleni.
“Siye sathatha isigqibo sokuba sinixhase ngeezixhobo zokusebenza singumasipala, kuba siyanibona nenza umsebenzi oncomekayo wokufundisa nokonwabisa uluntu kwizinto ezahlukeneyo,” kutsho uJanda.
Uqhube wathi izixhobo zokusebenza abanikezele ngazo kwisikhululo iMbhashe FM, unethemba lokuba zizakuguqula isimo singafani kunakuqala njengoko besibonakala sitsala nzima.
Izixhobo ekunikezelwe ngazo ziquka i-central processing unit, laptops, desktop computer, printer, chairs, desks, aluminium dipole antenna, log periodic ntenna for receiving, cables, WiFi router kunye ne translator.
UJanda uthe injongo zabo zokuxhasa ngeezizixhobo kungokuba befuna isikhululo iMbhashe FM senze umsebenzi ophucuke ngakumbi kunakuqala kwaye unethemba lokuba nabasasazi bazakutsho bakhuthazeke kakhulu.
UArchie Mase obethetha egameni lesikhululo uMbhashe FM, uthe bayibulela kakhulu inkxaso abayifumene kumasipala waseMbhashe kangangokuba ucinga ukuba ifike ngexesha elifanelekeyo.
“Siyayibulela inkxaso enisinikeyona masipala kangangokuba sinephupha lokuba sisasazele neezinye iindawo ezingaphandle kwengingqi yeAmathole ngenye imini,” kutsho uMase.
Kodwa okwangoku uMase uthe basajonge ekukhuliseni uMbhashe FM ukuze uphumele kwindawo zonke eziseMbhashe kunye neendawo ezingqongileyo.
Kangangokuba uthe isikhululo sabo sisebenzisa i-frequency ezimbini ukuqinisekisa ukuba siyafumaneka kumntu wonke waseMbhashe kunye nakwabo basondeleyo khona.
“uMbhashe FM ufumane ku103. 9 naku 106.1 kuba usasazo lwethu sifuna uqiniseka luyafikelele kuluntu,” uqhube watsho uMase.
Intsebenziswano phakathi komasipala, abahlali kunye nesikhululo yenye yezinto athe kubalulekile ukuba ihlale ikhona ukuze uMbhashe FM uzokhula nangakumbi.
UMbhashe FM kulindeleke ukuba udlale indima enkulu kwicala lokuphuhlisa abasasazi abasakhulayo ingakumbi abo banqwenela ukusebenzela amaziko amakhulu ezosasazo ngenye imini.
Photo Caption: Ekunene, uSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda encokola nabasasazi emva kokunikezela ngezixhobo zokusebenza kuGatyana.
Eminye imifanekiso ibinisa izixhobo ekunizelwe ngazo ngumasipala.Â


