Community

UMSITHO WOKUTHI ‘NDLELANTLE’ KUNQUNUNU UMNU BATYI OGQIBE IMINYAKA ENGAMA-33 KWINKONZO YOKUHLOHLA

Intatheli: Ntsikelelo Jonga

BLOEKOMBOS
Inyanga kaJuni neyaziwa njengenyanga yeSilimela, yinyanga ngokwekhalenda yeli loMzantsi Afrika ebekelwe bucala njengenyanga yolutsha. Ngokwentlalo yesiNtu ingakumbi kuhlanga olungamaXhosa, ikwayinyanga ekuququzelelwa kuyo ukwalusa amakhwenkwe ukuze abe ngamadoda. Kukwakuyo le nyanga nalapho kukwagqalisiswa okanye, kunosuku olubekwe ecaleni njengosuku lokuvuyisana nootata (fathers). Kulapha kuyo le nyanga ekuza kuthi kwenziwe itheko lokuthi ‘ndlelantle’ kobesakuba nguNqununu wesikolo iBloekombos Primary School, uMnu Thula Bhatyi.

Umsitho lo uza kuba ngomhla wama-20 kule imiyo inyanga, le yeSilimela. UMnu Batyi uthathe umhlalaphantsi ekwisikolo iBloekombos Primary School apho ebeyiNqununu khona. Ugqibe iminyaka engama-33 kwinkonzo yokuhlohla phantsi ke kweSebe Lezemfundo, ukanti ke kulo minyaka, engama-25 ube eyiNqununu. Ukanti ke esi sikolo sasekwa nguye.

Echaza kudliwanondlebe ne ‘Jong’apha Studioz’, udize ukuba ukufika kwakhe eKraaifontein wayeze ngokomsebenzi wenkonzo wokushumayela, kodwa ngelo xesha kwakungekho sikolo apha eBloekombos. Kungeloxesha ke apho wathi wabona isidingo sokuba makubekho indlela yemfundo kuyo le ndawo. Waqalisa ukumana ecela kwiinkonzo ezazikho ngelo xesha ukuba zincede ukubolekisa ngeendawo zazo zokukhonzela ukuze kumane ukufundiswa abantwana.

Eli bali libali eliqhubekayo.