Indoda ibanjelwe ukufa komfazi wayo
Owasetyhini oneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) ubhubhele kwisibhedlele saseMthatha emva kokungeniswa kulandela ukubethwa kwakhe yindoda yakhe.
Kutyholwa ngokuba eli nenekazi lathi laxabana nomyeni walo kwindawo ethengisa iimoto apho asebenza khona eMthatha. Le ndoda ngenxa yomsindo yambetha yamonzakalisa lo mfazi. Emva koko yamthatha yamsa esibhedlele kwiveki ezimbini ezidluleyo.
Othethela amapolisa ephondweni uCaptain Welile Matyolo uthe, “Umrhanelwa kutyholwa ukuba nguye owahlasela umfi emva kwengxabano ababanayo kwindawo asebenzela kuyo. Umrhanelwa yena utyhola ngelithi inkosikazi yakhe yahlaselwa zizikrelemnqa waze yena wayibalekisa esibhedlele. Umrhanelwa waya kumbona unkosikazi esibhedlele emphathele ukutya. Ixhoba kuvakala ukuba liye lagula lakhuwulezisa laze lasweleka ngentsimbi yesibini kwangalo mini.”
UMatyolo uthi uqhaqho lulo oluzakuchaza unobangela wokusweleka kwale nkosikazi.
UMkomishinala wamapolisa obambeleyo kwisithili sase-OR Tambo uBrigadier Vukile Ntuli ukuqhwabele izandla ukubanjwa komrhanelwa watsho esithi amapolisa mawaqinisekise ukuba umrhanelwa uyagwetywa. “Asikwazi ukukunyamezela ukuxhatshazwa kwamanina. Makwenziwe konke okusemandleni ukuba abenzi bobubi bagwetywe.”

