Sports

BABUYE BENGABIKWA HLABA ABANTWANA EBEBEYOKUDLALA ESPAIN.

Ibingamayeyeye ekhatshwa yimivuyo nokugcolotha kweentliziyo, kuyimincili nolonwabo obeluzibonakalela ebusweni babazali, iintsapho kwakunye nabantu basekuhlaleni ngethuba kusamkelwa iqela labadlali bakweliPhondo leNtshonakoloni. Aba badlali bakhe bangundabamlonyeni emveni kokuba bezibhaqe sele bengoodingezweni eSpain, bengakwazi ukubuya ngesizathu sokuba bengenamali yokubuya. Phofu kusenzeka oku nje, abazali babo bayikhupha imali engama: R65 000 ekwakuthiwe yeyetikiti lenqwelomoya yokuya nokubuya. Ukuba kuye kwathini, kwazi bani xa ingenguye uBrandan nongumseki we’BT Football Academy’, nonguye owavula elikroba lokuba abantwana bakwazi ukuya kudlala eSpain. Akukhomntu ukuza kuthi ‘ga’ ngoku oyaziyo ukuba kuye kwenzeka ntoni nanjengoko uBrandan esaduke emboneni ukuza ngaphambili ukuba aphekw’esophulwa ngemibuzo. Kuthe ke inkal’isaxing’etyeni kwimeko yohambo lwabantwana, ‘gqi qhaphu’ uMsamariya olungileyo onguTracey Lange wenza konke okusemandleni ukuba bakwazi ukubuya ababantwana, phofu naye ulunywe indlebe nguMfundisi obandla lakhe elikwalapha eKapa. Kunconywa ke ikakhulu amandla omthombo weendaba kuba kaloku yilemithombo edandalazise imeko emandundu ababejongene nayo abantwana.