EducationLocalNews

Ibali labantwana besikolo

Intatheli: Anele Raziya

Abantwana besikolo baphiwe impahla yesikolo Ngu Mphathiswa uBukiwe Fanta eGcuwa. 

UMphathiswa weSebe elijongene noPhuhliso loLuntu (Social development), uBukiwe Fanta uthe kubalulekile ukuba abantwana besikolo bayinikwe kangangoko inkxaso abayindingayo ukuze bazokuhlala bekhuthazekile ngalo lonke ixesha. 

Ebethetha kutsha nje kwiholo yedolophu yaseGcuwa ngexesha ebenikezela ngoomakufanwe (school uniforms) kubafunde bezikolo ezahlukeneyo eMnquma. 

Abafundi abanqabeleyo kwikhulu elineshumi elinesihlanu (115) baye baphiwa omakufanwe ukuqala kwinkawusi uyokuma ngejezi (full school uniform) nguMphathiswa uFanta obekhatshwa ngamagosa kumasipala waseMnquma. 

Umfundi ngamnye ebenikwa omakufanwe ababini (2 per child) kunye nezihlangu zesikolo ukuze anxibe abemhle phakathi kwabanye abantwana esikolweni. 

UFanta uthe ukunxiba komntana umakufanwe opheleleyo, lonto iye imkhuthaze nakwizifundo zakhe kwaye azibone emhle njengabanye abantwana esikolweni. 

Uqhube wathi yiyo lonto urhulumente ekhuthaza abazali ukuba ngalo lonke ixesha baxhase abantwana babo ngezinto zonke ezidingekayo esikolweni ukuze bangahleleleki kwabanye. 

UFanta uthe njengokuba urhulumente ene Arhente ezifana no SASSA zinzame zokuqinisekisa ukuba abantwana bayayifumana inkxaso kwinto etyiwayo nakwinto yokunxiba. 

Izikolo ebezinabafundi abaye baxhamla kule nkqubo kaMphathiswa uFanta beziquka iMsobomvu S. S. S, Lamplough S. S. S, Busy Bees SSS, Caley JSS, Lingomsolethu Special School neDavies JSS. 

Kuzo zonke ezo zikolo, uninzi lwabantwana abaye baxhamla ngabo bebehlala kwindawo yaseSkiti emva kokuba impahla zabo zemka namanzi kwimvula eyanethayo yakhukhulisa amatyotyombe yashiya abahlali bengenayo kwanto besheke nemphala ezisesiqwini. 

Le nkqubo kaFanta ibixhaswe nguSASSA, NGO African Footprint, Standard Bank noFNB Bank njengoko zonke ziye zadibanisa into ezinayo ukuze kuthengelwe abantwana basweleyo aba makufanwe nezihlangu. 

Esonga intetho yakhe ebiphambili uFanta kulo msitho wokunikezela ngemphahla zesikolo, uhlabe ikhwelo kuye wonke ubani weli ukuba kuliwe into yokuphathwa gadalala kwamanina kunye nabantwana ingakumbi kwezindawo zisemaphandleni. 

Izikolo ebezinxalenye nomsitho ziye zabulela igalelo lika Mphathiswa Fanta kwaye zithembisa ukuba zizakuqhubeka ziphucula ikamva labantwana ezikolweni. 

Nomasipala waseMnquma uye wenza umbulelo kwisebe lika Mphathiswa Fanta kunye nenkampani namaqumrhu abinzileyo ngezinto ukunceda abantwana bezikolo ezahlukeneyo.