Kukhangelwa indlela yokunqanda ukubhubha kwabakhwetha
Tsomo.
Intatheli: Anele Raziya
Usihlalo weNdlu yeeNkosi eMpumakoloni, uNkosi Mpumelelo Gwadiso ekunye noMphathiswa kwiSebe loRhulumente weNtsebenziswano (Cogta) uZolile Williams babhinqe omfutshane befuna kusetyenziswane ukukhangela esona sisombululo esinokunqanda ukuthi ‘gqolo’ kokusweleka kwabakhwetha ngexesha lolwaluko. Kweli ixesha lolwaluko, kwinyanga le yeSilmela (Juni) walonyaka, ngabakhwetha abalishumi elinanye (11) abaye babikwa njengabaswelekileyo, nto leyo engayiphathanga kakuhle iNdlu yeeNkosi kunye noRhulumente wePhondo. Kwisaziso okanye um’poposho okhutshwe yiNdlu yeeNkosi kunye nesebe loRhulumente weNtsebenziswano kuvakaliswe ukungonwabi yimeko yokusweleka kwabakhwetha. UMphathiswa uWilliams kwintetho yakhe yakutshanje, uthe lifikile ixesha lokuba onke amadoda, iiNkosi kunye nooGqirha kungqutyaniswe iintloko ngelokukhangela ukuba yintoni le ekufuneka ilungisiwe ukuze abakhwetha babuye bephila esuthwini. Uqhube wathi wonke ubani uyazazi izinto ekumele ukuba zilandelwe malunga nesiko lolwaluko kodwa nangona kunjalo, rhoqo ngexesha lolwaluko kubakhona iziganeko zokubhubha kwabakhwetha. Uthe, ukudityaniswa kwamakrwala, abafana nootata, ooCeba kwakunye nabahlali baphefumlelane bebodwa malunga neengxaki ezijongene nesiko lolwaluko kwaye beze nesisombululo sokuba lingaphuculwa njani elisiko lolwaluko. Emveni kokuba kuye kwahlalwa imbizo yamadoda odwa, uWilliams uthe kuzakufuneka kubizwe nooMama ukuze nabo bafakwe kwezingxoxo ngelokukhangela isisombululo esinokuphelisa ukubhubha kwabakhwetha. Ngokwengxelo ekhutshwe yiNdlu yeeNkosi ikunye nesebe loMphathiswa uWilliams, ihlaba ikhwelo kumadoda onke ukuba adibane kwimbizo ezakubanjelwa eNyandeni Komkhulu ngomhla wama-29 kulenyanga ngentsimbi yeshumi kusasa. Apho kulo ndibano kuzakuphicothwa yonke imiceli mngeni ejongene nelisiko.


