CommunityLocalNews

Ibanjiwe indoda encwase umfundi

10 August 2023 – Monwabisi Khininda

EMTHATHA

Limiselwe iveki ezayo ityala lendoda engumsebenzi wesikolo sabafundi abakhubazeke ngokwamalungu omzimba Ikhwezi Lokusa,ityholwa ngokuzama ukudlwengula ikhwenkwana eneshumi elinesixhenxe leminyaka ubudala. Ngokwengxelo yenkundla kaMantyi eMthatha umrhanelwa uSiyabulela Mvelo (35), waphathaphatha le nkwenkwana kwindlu yakhe ese-Ilitha eMthatha emva kokumbizela kuyo ngoMeyi walonyaka. Kuvakala ukuba wayiphathaphatha ilungu lobudoda ngaphambi kokuzama ukuyidlwengula.

UMvelo ebevele enkundleni eyofaka isicelo sebheyile.Isebe leZemfundo khange lilibazise ukumnqumamisa emsebenzi kwaye kuqhutyhwa uphando ngokuziphatha kwakhe kweli sebe. USihlalo webhodi elawula isikolo (SGB) uthi bakhathazekile sisenzo salomsebenzi. “Sifuna umrhanelwa angayinikwa ibheyile. Wayekhe watyholwa ngesenzo esinje ngo-2014 kodwa isebe lamgwebela.Akabonakalisanga buzali ngokuxhaphaza le nkwenkwana,” kucacisa uMazantsana.

Ehlohla ngemibuzo umrhanelwa uMtshutshisi uthe: “Ufuna ukuphuma uyoqhuba nokuphatha-phatha ubudoda babantwana? Xa ubona beze behlamba wena uvukelwa ziinkanuko zesondo. Usafuna ukuyosebenza nabantwana obaxhaphazayo ngokwesondo?”UMantyi ulimisele le veki ngoLwesine ukuze awise isigwebo ngesicelo sebheyile.