Sports

Umsunguli weNozulu Youth Legacy Cup

Ngu Anele Raziya

Umsunguli weNozulu Youth Legacy Cup, Luxolo Matikinca ukhuthaza abaqeqeshi abasakhulayo ukuba benze kangangoko benako uqinisekisa ukuba bafumana incwadi zokuqeqesha ezifanelekiyo. 

Intetho yakhe ilandela emva kokuba iNozulu Youth Legacy Cup ibambisene neMnquma local football Association (Mnquma LFA) bezibambe uqeqesho lwabaqeqeshi ebebefundela iCAF C lisense Diploma eGcuwa kwiveki ephelileyo. 

Uqeqesho lweCAF C licence beliqale ngenyanga uJune lasongwa ngomhla wesibini kule nyanga. 

Abaqeqeshi abangamashumi amabini anesithoba (29) ebebephuma kwindawo ezahlukeneyo eMpuma Koloni bebeyinxalenye yoluqeqesho. 

UMatikinca okwangumanejala kwiqela elidlala kwibetway Premiership, iSekhukhune United, uthe uye wonwaba xa ebona abaqeqeshi befumana ulwazi lokuqeqesha kubahlohli abaphambili abafana no Desmond Lewis ongumhlohli weSAFA neCAF owaziwayo. 

“Ngokuququzelela olu qeqesho luka CAF C licence kungokuba sifuna abaqeqeshi bethu bafumane ulwazi oluphangeleleyo malunga nokuqeqesha kwibhola ekhatywayo ukuze ulwazi lwabo lizokuphangalala nangakumbi,” utshilo uMatikinca. 

Uqhube wathi baye bazipha nethuba lokuba bahambe nabaqeqeshi baye nabo kwiqela iChippa United edlala kwibetway Premiership neHighbury FC edlala kwiMotsepe Foundation Championship kuba bebefuna babone indlela ezenziwa ngayo izinto kula maqela aphezulu. 

Ngenene babonile indlela ekulungiselelwa ngayo xa abadlali bezakuzilolonga kwaye baboniswa nangendlela yokuhlalutya umdlalo. 

UMatikinca uthe zonke ezinto bazenzileyo ngexesha kuqhuba uqeqesho luka CAF C yindlela ebebefundisa ngayo abaqeqeshi basakhulayo izinto ezilindeleke kubo xa sele bexhuzulu imikhala kumaqela wabo. 

Enye yezinto athe iyamkhuthaza oka Matikinca, uthe kubona abaqeqeshi abasakhulayo bewasebenzisa amathuba avelayo wokulola izakhono zabo kuba lisondele ixesha lokuba umqeqeshi ongenazo impempa zokuqeqesha angavunyelwa ukuba aqeqeshe abadlali. 

Uthe kwileague ezifana nebetway Premiership sele iqalisile imithetho yeSouth African football Association (SAFA) ethi awuvumelekanga ukuba uhlale esitulweni sokuba ngumqeqeshi oyintloko ukuba awunazi ezo ncwadi zifunwayo. 

Nakwezinye ileagues eziquka nezasekuhlaleni uthe zikhona incwadi ezizakufuneka umqeqeshi abenazo uqala ngesizini ka2026/2027 uya phambili. 

Yiyo lento esithi abaqeqeshi abasakhulayo kubalulekile ukuba bafumane incwadi zokuqeqesha kwangoku. 

Oko kuqale lonyaka iNozulu Youth Legacy Cup neMnquma LFA sele zisindleke uqeqesho kuCAF D noCAF C licence kwaye uMatikinca uthe basojonge phambili ngephulo labo lokuncedisa abaqeqeshi ukuba baphuhlise izakhono zabo. 

Uvalelise ngelithi kuzo zonke inzame zabo abazenzayo kwibhola ekhatywayo kungokuba befuna ukushiya umzila obonakalayo beyiNozulu Youth Legacy Cup. 

Umfanekiso: Abaqeqeshi bebhola ekhatywayo bafumene uqeqesho luka CAF C Diploma eGcuwa.