Crime & Safety

Kubanjwe owasetyhini kwityala lokubulala

Yintatheli yeKhwezi

Babanjwe eMthatha abarhanelwa abatyholwa ngokubulala umabhalane wamapolisa eWhittlesea kwinyanga ephelileyo.Ixhoba uBongiwe Ramncwana (48) wadutyulwa wabulawa ngabarhanelwa abangaziwayo ekhayeni lakhe e-SADA ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga ephelileyo.Abaphandi abazinze eWhittlesea necandelo iTactical Response Unit (TRT) balandela iinkcukacha ezikhombe kwilokishi yaseNgangelizwe eMthatha apha babambe owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu ubudala.

Uphando luphinde lwakhokelela eChris Hani, eMthatha West, apho kubanjwe indoda eneminyaka engamashumi amathathu ubudala ebandakanyeka kolugebengo.Isithethi samapolisa uCaptein Namhla Mdleleni uthi amagosa akwantsasana afumene nesithuthi esasetyenziswa ukwenza olugebengo.Sithinjwe ngamapolisa ukuze kuqhutywe uphando.Uphando luqhubela phambili ngokubulawa kukaRamncwana.

Abarhanelwa babekwe ityala lokubulala,kulindeleke bavele enkundleni yamatyala eWhittlesea kuleveki.UMkomishinama wamapolisa kwisithili iChris Hani uMajor General Rudolph Adolph uncome amapolisa ngokuqinisekisa ukuba abamba abanqalintloko baziswe phambi kwengalo yomthetho.