LocalNewsSports

Abaqeqeshi abasakhulayo eMnquma babulela uphuhliso

Intatheli: Anele Raziya

Abaqeqeshi abasakhulayo eMnquma babulela uphuhliso oluza neNozulu Youth Legacy Cup ikunye neMnquma LFA kwikamva labo lokuqeqesha. 

Abaqeqeshi abasakhulayo eMnquma abawuvali umlomo kubulela indima edlalwa ngumbutho webhola, iMnquma local football Association (Mnquma LFA) ibambisene neNozulu Youth Legacy Cup, ngokuba zithe gqolo ukuphuhlisa ibhola ekuhlaleni. 

INozulu Youth Legacy Cup yaziwa ngokusindleka itumente enkulu ebanjwa rhoqo ekuqaleni konyaka kwaye inzame zalo midlalo kuphuhlisa abadlali abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesithandathu (U/16)

Ukwandisa iphulo layo lokuphuhlisa imidlalo, iNozulu Youth Legacy Cup, iye yabambisana nombutho webhola wasekuhlaleni iMnquma LFA kuba ifuna kuncediswane kuqeqeshwe abaqeqeshe abasakhulayo ukuze bazokufumana ilayisenisi zokuqeqesha. 

Kunyaka ophelileyo ziqalile izifundo apho abaqeqeshi abangamashumi amabini anesixhenxe (27) babefundiswa banzi ngokuqeqesha ngamagosa weSouth African football Association (SAFA) kuqeqesho (coaching course) olwalusindlekwe eGcuwa. 

Abobaqeqeshi babesenza izifundo zeCAF D license baye bafunda baphumelela bonke. 

Kutshe nje iNozulu Youth Legacy Cup ekhokelwa nguLuxolo Matikinca ikunye neMnquma LFA beziphinde zakweba iSAFA neCAF ukuba izokuqeqesha abanye abaqeqeshi kwiCAF C license uqala kwinyanga uJulayi uzokuma apha kuOgasti. 

Kolu qeqesho lweCAF C license bekukhona abaqeqeshi abayi 29 nebebephuma kwindawo ezahlukeneyo ephondweni kuquka nabaseMnquma. 

Omnye wabaqeqeshi baseMnquma obekhona kwiqela ebelifunda uCAF C, nokwangumqeqeshi weqela lakuCentane, iMusketeers, uBanguhlanga Kona uthe bayalibulela ithuba abalinikwe yiMnquma LFA ikunye neNozulu Youth Legacy Cup lokuba bafunde banzi ngokuqeqesha. 

UKona uthe kwizinto abazibonileyo nabazifundileyo ngexesha besenza uCAF C zizakubanceda kwikamva labo lokuqeqesha. 

“Silivuyele ithuba esilinikiweyo lokuba siyobona amaqela afana neChippa United edlala kwiBetway Premiership neHihgbury FC ekwiMotsepe Foundation ukuba ziyilungiselela njani imidlalo,”kutsho uKona. 

Uthe baye bafumana nethuba lokubona ukuba umdlalo uhlalutywa njani ngaphambi kowudlala naxa udlulile uhlalutyo lawo luhamba njani. 

Izinto abazifundileyo kwigumbi lokufundela eLilitha Guest house nalapho beluqhubela khona uqeqesho, ucinga ukuba zizakuba nceda kakhulu bengabaqeqeshi. 

Uye wabulela iNozulu Youth Legacy Cup neMnquma LFA ngokuthi gqolo ziqinisekisa ukuba abaqeqeshi abasakhulayo zibaxhobisa ngolwazi oluphangaleleyo lokuqeqesha abadlali. 

Kuqeqesho luka CAF C lisense indawo yaseMnquma ibimelwe ngabaqeqeshi abathathu logama abanye bebephuma kwezinye indawo. 

UMatikinca okhokela iNozulu Youth Legacy Cup uthe bazakuqhubeka bakweba iSAFA neCAF ukuba zizokuxhobisa abaqeqeshi abasakhulayo  kwizifundo zokuqeqesha kwibhola ekhatywayo.