Ibhanka yakwa-ABSA iphosa esivivaneni
Intatheli: Monwabisi Khininda
Ncorha: Ibiyimincili ngoLwesithathu weveki ephelileyo kwilali yaseNcorha eCofimvaba nanjengoko ibhanka yakwa-ABSA kunye noMphathiswa wesebe leZezimali eMpuma Kapa uMlungisi Mvoko,begqithisa ngobubele kwiintsapho ezilikhulu. Zinkondekazi ezilikhulu (100) ezixhamle kwiingubo kunye nokutya, eliphulo liza emveni kokuba kuchongwe ezona ntsapho zisokola kakhulu.
UMphathiswa uMvoko akawuvalanga umlomo encoma eli phulo lomnikelo owenziwa ngu-ABSA. “Asizisoli nakancinci ukwakha ubuhlobo nebhana u-ABSA kuba lihle eliphulo, kwaye kwicala laseburhulumenteni iculo lethu ukwenza ubomi babantu bubengcono.”

Abaxhamli bebelila bemanzi ziinyembezi zovuyo ukanti omnye wabaxhamli uNolisimi Sobutyu uthethe wenjenje: “Kudala ndakufumana ukutya kodwa yheyi oku kwanamhlanje kokweKrismesi,ndiyakuxelela.” Enye inkondekazi exhamlileyo uNgwekazi Ndungane akawuvalanga naye umlomo. “Yhuu sizakutya sihluthe kwaye sizokulala fudumeleyo ngoku.” Ibhanka yakwa-ABSA ingqinile ukuba ukuphosa esivivaneni ngumsebenzi wabo njengenxalenye yokubuyisa izitya ekuhlaleni.

