Crime & SafetyLocalNews

UMtshutshisi ubanjelwe iziqinisekiso zomgunyathi

Intatheli: Monwabisi Khininda

Obesakuba nguMtshutshisi kwinkundla yeNqila eMthatha, uLuthando Mandindi ubanjelwe ukuba nesiqinisekiso se-LLB ngobuqhetseba.

Obesakuba nguMtshutshisi uLuthando Nomandindi (33) uvelile phambi kwenkundala yamatyala oRhwebo eMthatha ngezityholo zobuqhophololo, kunye nokuthetha ubuxoki malunga neziqinisekiso zemfundo ezisetyenziselwe ukufumana umsebenzi kwiGunyabantu leZotshutshiso (NPA). UNomandindi ubanjwe ngoLwesibini, umhla wama-22 kweyeKhala kulonyaka, emva kophando olunzulu olwenziwe licandelo loPhando ngoLwaphulo-mthetho oluNxibelelwano oluzinze eMthatha, ooKhetshe (Serious Commercial Crime Investigation Unit) ngokubambisana neNPA.

Ngokwengxelo yabasemagunyeni uNomandindi ubhalise isidanga se-LLB kwiYunivesithi iWalter Sisulu phakathi konyaka wama-2010 ukuya ku-2016 kodwa wasilela ukuzifezekisa imfuneko yokuba aphumelele.Ngaphandle koku,kutyholwa ukuba uye wafaka isiqinisekiso somgunyathi se-LLB kunyenengxelo engeyonyani ye-Legal Education and Development (L.E.A.D) xa efaka isicelo seNkqubo yoMtshutshisi Oyilwayo we-NPA ngomnyaka wama-2020. Waqeshwa ngoJanuwari 2021 kwaye kamva wenyuselwa ekubeni nguMtshutshisi woluntu. Abaphandi bathi wade wakhethelwa kwisikhundla esiphezulu kwinqanaba leNkundla yeNqila esebenzisa iziqinisekiso zobuqhetseba ezifanayo.

Nangona kunjalo,xa i-NPA ibifuna amaxwebhu ache okuqala emfundo ekuqaleni komnyaka wama-2025 uNomandindi wayeka emsebenzini ngequbuliso  ngomhla we-15 Matshi 2025. Uphando luqinisekise ukuba uNomandindi zange afumane isidanga se-LLB e-WSU kwaye khange ayifumane nengxelo yokuzimasa kwa-L.E.A.D ngenxa yemali engekahlawulwa.UNomandindi ukhululwe ngebheyile ye-R5000, kwaye ityala lihlehliselwe umhla we-18 ka=Agasti kulonyaka.