LocalNewsSports

Ulutsha lizimisele ukulwa nazo naziphina izenzo ezihambiselana nubundlobongela 

Intatheli: Anele Raziya

Amaqela aseMbhashe naseMnquma alungiselela ukuthatha inxaxheba kwitumente yebhola enjongo zayo kunciphisa ulwaphulo mthetho. 

Gatyane – Ulutsha kwilali yaseQwaninga kuGatyane, eMbhashe lizimisele ukulwa nazo naziphina izenzo ezihambiselana nubundlobongela ekuhlaleni kwaye luncedise nakwicala lokuphuhlisa kwezemidlalo.

Kutsha nje, ulutsha kwilali yaseQwaninga kuGatyane Komkhulu liye lasungula itumente yebhola ekhatywayo ebizwa ngokuba yiZ. Black Aces tournament.

Injongo zayo kuphuhlisa umdlalo webhola ekhatywayo ekuhlaleni, ukwakha ubuhlobo phakathi kwamaqela waseMbhashe, awaseMnquma kunye namanye wezinye indawo.

Ukanti itumente lena ikwagxeleshe nakwicala lokususa ulutsha kwiziyobisi ezifana notywala kuquka nezinye ezinobugozi kwaye ngokwenza njalo zinzame zokunciphisa zonke iziganeko ezidibanisele nolwaphulo mthetho. 

Omnye wabaququzeleli bale tumente, uSihle Yoko uthe balulutsha lwaseQwaninga babone kubalulekile ukuba ibekhona imidlalo abayenzayo rhoqo ngonyaka ngenjongo zokurhweba ulutsha kwiziyobisa nakwizenzo zolwaphulomthetho.

Uqhube uYoko wathi inyanga yamanina, uOgasti baye bakhetha yona ukuba basindleke ngayo iZ. Black Aces tournament nejolise kuphuhliso ezona njongo zayo ziphambili.

Uthe ngenye imini bayanqwenela ukubona amaqela amakhulu ethivini edlalelwa nangabadlali abaphuma kwindawo ezifana noMbhashe.

Umhla wama23-24 Ogasti uthe zintsuku ezakusindlekwa ngayo iZ. Black Aces tournament kwaye iqela eliphumeleleyo lizakugoduka nemali engange R5000, ikiti entsha, indebe neembasa zegolide.

Elibethwa kumdlalo kamagqibela kankqoyi lakuthuthuzelwa ngekiti entsha nalo, imali engange R2000 neembasa zesilivere.

Akhona namanye amabhaso ekuzonikezelwa ngawo kumaqela agqibe kwindawo yesithathu neyesine. 

Kunyaka ophelileyo ngexesha bekuqala usindlekwa itumente yabangamaqela angamashumi amabini (20) awayekhuphisana ngebhaso eliphambili.

“Xa sidlala kubakhona amaqela walapha eMbhashe, awaseMnquma nawezinye indawo ezingqongileyo kuba injongo zale tumente kuphuhlisa imidlalo, kukwakha ubuhlobo nokulwa nazo naziphina izenzo zolwaphulomthetho,” kutsho uYoko.

Uthe wonke umntu uvumelekile kwitumente yabo kwaye ngenye imini unethemba lokuba bazokwazi ukrweca amaqela adlala kwiPremier Soccer league (PSL) akhe azokujonga italente.

Onke amaqela anomdla wokuthatha inxaxheba kule midlalo uthe kufuneka akhawulezise aze ngaphambili abhalise ungekafiki umhla weshumi elinesine kuOgasti.

Kulindeleke ukuba amaqela aphume ngobuninzi kwindawo ezahlukeneyo njengoko ileagues zasekuhlaleni zivaliweyo ngenxa yokufikelela kwesizini esiphelweni.