Zingamawaka amabini intombi ezithe zahlolwa eNgcobo
Intatheli: Yonela Mpaka|Ngcobo

Intombi ze Nkciyo ezisuka kwidolophu ezahlukeneyo bezidibene kumasipala iDr AB Xuma kwiKomkhulu lakwa Jumba kumsitho wokubhiyoza. Inkciyo kwidolophu yase Ngcobo sele ineminyaka iqhuba apho intombi zelali ezahlukeneyo zathi zangena kulento phantsi kokuzigcina zingamantombi nto. Ukuhlolwa kwezintombi kuqhutywa ngabo bafanele ukwenza oku.
Inkosi kwakunye nabo bangomama bakomkhulu bayazimasa koku.Intombi ebeziyinxalenye yalomcimbi bezingapha kwamawaka amabini nezisuka ko Mount Frere, Qumbu nako Lusikisiki. Ikumnkani eyaMampondo neyabaThembu zithethile nabo bazintombi nto.Inkokheli zomasipala iDr AB Xuma nebeziphelekwe ngu Somlomo uMandilakhe Kondile ziwuqhwabele izandla lomcimbi.

Usomlomo uKondile uthi isidima somntana oyintombi sibuyile, abazali uthi mababakhuthaze abantwana bayingene iNkciyo kuba iyafundisa kakhulu. “Sihlaba ikhwelo nakosomashishini uba bayixhase lemicimbi kuba kubakuninzi okudingekayo, sifuna nakwabo basahleli esitratweni bebancinci ukuba basondele bazimanye noku kuhle kangaka, siyakuxhasa kangangoko oku kwenzekayo sisithi abantwana mabakhuselwe,” utshilo u Kondile. Intwazana eselula u Anomtha.
Kilwa noyintombi nto uthi zange acinge ukuba angahamba indawo eziqhenya ngobuntombi bakhe, uthi bacelwa ukuhoywa bakhuselwe kuba zikhona ingxaki abahlangabezana nazo. Ukuhlolwa kwamantombi kwenziwa minyaka le kwa nennani labo likhula oko.
