Usomashishini omncane uvuyele inxaso esuka kwiofisi yeNkulumbuso yaseMpuma Koloni.
Intatheli: Anele Raziya|Gatyane

Ityedyana lomfana wakuGatyane kwilali yaseMboya, uSinawo Sidziya akawuvali umlomo luncumo nokubulela inkxaso efunyenwe lishishini nebisuka kwiofisi yeNkulumbuso yaseMpuma Koloni.
Kulandela emva kokuba ishishini lakhe elibizwa Nawiz logistics Solutions liye laxhaswa yiofisi yeNkumbuso ngeloli entsha kraca ekhatshwa ziiSolar panels ngenjongo zokuba liqhubele phambili nomsebenzi walo oncomekayo kwingingqi yaseMbhashe.
Inkampani kaSidziya inikwe ezi zixhobo zokusebenza kwiveki ephelileyo nguQaqamba Xalisa obephuma kwiofisi yeNkulumbuso.
Ethetha ngexesha enikezela ngeloli neeSolar panels, uXalisa, uthe ezinto ziphuma kwiSiqalo Youth Fund kuba urhulumente efuna ukhuthaza uSidziya kwishishini lakhe.
ISiqalo Youth Fund uthe yingxowa mali engaphantsi kweofisi yenkulumbuso nenjongo zayo ikuxhasa wonke umntu omtsha onento ayenzayo ezakwenza imali ngeniso okanye igxothe idlala.
Uqhube wathi ishishini lika Sidziya likhethwa phakathi kwamanye ebefake izicelo zexaso mali, Isiqalo Youth Fund sabona ukuba khe sincedise elityedyana lakuGatyane ukuze lizokuphuhlisa ishishini lalo nangakumbi.
USidziya uthe inkxaso ayifumene kurhumelente izakwenza kubelula kumsebenzi weshishini nelihambisa impahla (goods) kwindawo ngendawo ephondweni.
“Njengokuba ndifumene leloli ndicinga ukuba ndizakutsho ndifikelele nakwamanye amaphondo xa ndihambisa impahla kwaye lonto izakwenza ishishini likhule nangakumbi,” uqhube watsho.
Uthe unethemba lokuba uzawutsho akwazi nokuvelisa amathuba wengqesho abelekayo kulutsha laseMbhashe kwaye abanelo negalelo elubonakalayo kuqoqosho.
USidziya uthe uyibulela kakhulu inkxaso ayifumene kurhulumente wephondo kwaye uliqale eliqhubela kwilali yakhe kodwa xa kunamhlanje uneofisi eDutywa ntoleyo ebonakalisa ukuba liyakhula.
Uvalelisa ngelihlaba ikhwelo kulutsha ukuba liziqalele amashishini nokuba ngawantoni ngenzame zokunciphisa izinga eliphezulu lentswela ngqesho kwaye lisondele kurhulumente licele uxhaswa kuyo yonke imigudu eliyenzayo ebomini.
UXalisa uthe urhulumente utyala imali engange 1,5 million kwizinto zonke athe wazithengela uSidziya kwaye banethemba ukuba elityedyana laseMboya liyawuqhubela phambili nephupha lalo kwishishini iNawiz logistics Solutions.
Usodolophu womasipala waseMbhashe, uSamkelo Janda naye ebeyinxalenye yalo msitho wokunikezelwa ngezizixhobo zokusebenza kwaye uye wavuyisana noSidziya.

