LocalNewsSports

INozulu Youth Legacy Cup isaqhubeka neenkqubo yokuphuhlisa ibhola ekhatywayo eMnquma

Intatheli: Anele Raziya|Mnquma

Owaye sakusebenzela iKaizer Chiefs neSAFA, uDr Walter Steenbok uzakuba eseGcuwa ezokuncedisa ukuphuhlisa ezemidlalo eMnquma.
 


INozulu Youth Legacy Cup isaqhubeka neenkqubo zayo zokuqinisekisa ukuba ibhola ekhatywayo iphuhla nangakumbi kwindawo yaseMnquma. 

Kutsha nje iNozulu Youth Legacy Cup ibambisene neWalter Sisulu University eGcuwa ziye zapapashe ukuba zimeme uDr Walter Steenbok owayesakusebenza njenge Kaizer Chiefs scouter, waphinda wasebenzela nombutho webhola ekhatywayo weli iSAFA. 

Umseki weNozulu youth legacy cup, uLuxolo Matikinca okwanguMphathi (General Manager) kwiqela iSekhukhune United edlala kwibetway Premiership, uthe babize uDr Steenbok ukuba akhe azokwabelana ngolwazi nabaqeqeshi abasakhulayo kunye nabo banqwenela ubangabachongi babadlali (scouters) ngenye imini. 

UMatikinca uthe lo msitho ubaluleke kangaka kulindeleke ukuba ubanjelwe kwiYunivesithi iWalter Sisulu eGcuwa ngomhla wesibini kwinyanga ezayo (02 Novemba) kwaye inani labantu abazakuzimasa liqigqiwe. 

“Sasitshilo kwasekuqaleni siyiNozulu Youth Legacy Cup ukuba sizimisele ukushiya umzila kuyo yonke into esiyenzayo kwaye siqinisekise ukuba wonke ubani uyaxhamla kwimigusho yethu ejongo zayo ikuphuhlisa ibhola ekhatywayo eMnquma nakwindawo ezingqongileyo,”kutsho uMatikinca. 

Uthe yiyo lento baye banesigqibo sokuba bakrwece ingcali efana noDr Steenbok akhe azokuncokola nabaqeqeshi kunye nabachongi (scouters) malunga nezinto ezibalulekileyo ekumele bazazi xa bekhangela abadlali bekhalela amaqela wabo. 

Ngale mini yomsitho, uMatikinca uthe uDr Steenbok uzakuncokola ngeezinto ezininzi nalapho ezakuba echaza banzi ngeendlela zokuchonga abadlali kwaye ecacisa ukuba umbona njani umdlali othile ukuba ulungele ukudlalela iqela elithile. 

Esi simemo sika Dr Steenbok eMnquma siyinxalenye yephula lakhe aliqhubayo nalapho ajikeleza wonke amaphondo exhobisa abaqeqeshi nabachongi abasakhulayo kwinkqubo yakhe enesihloko esithi “National Talent ID Workshop with Dr Walter Steenbok”. 

Xa egqibile eGcuwa nephulo lakhe uzakudlulela eMonti nalapho uzakufumana ithuba lokuncokola nabaqeqeshi nabachongi nakhona. 

Njengokuba eqhuba le nkqubo yeNational Talent ID Workshop uye aphahlwe luhlokondibana leqela lakhe labantu  ahamba nabo nabancedisa ukongeza ukwabelana ngolwazi kwabo bazamisileyo umsitho. 

UMatikinca uvalelise ngelithi umsitho uyakuqala ngentsimbi yesixhenxe kusasa kude kubethe intsimbi yesine emva kwemini emva koko akhululeke uDr Steenbok neqela lakhe.