Elections 2024NewsPolitics

Umbutho we Sadtu ubaxabisile abo baphucula infundo 

10 Isilimela 2024 – Yonela Mpaka

Umbutho wotitshala nobizwa i Sadtu kwidolophu yase Ngcobo uthe wabamba usuku lokuthi ndlelantle kwitishala ezithatha umhlala phantsi kwanezo ziwuqhuba kakuhle umsebenzi wazo.

Ukuwonga abo sele beyokuhlala phantsi yinto enqabe kakhulu kumasebe karhulumente. Isebe lezeMfundo kwidolophu yase Ngcobo libone kubalulekile ukubaqaphela abo bathe gqolo ukuphakamisa izinga lemfundo.

Okhokhele kumbutho we Sadtu u Lwazi Mditshwa uthi babone kufanelekile khe bawonge abo kudala beyibambile kwezemfundo nasele bekhuphe onesi kwanabanye otisthala. “Mhle kakhulu umsebenzi owenziwa zititshala yiyo lonto sibone makhe sibancumise ngendebe sibathengele nekhekhe kuba bagqibe iminyaka abanye babo besenza kwimeko ezingavumiyo kodwa banyamezela, sithi mabayophumla kodwa xakukho oko sikufuna kubo sakubanqonqozela,” utshilo uLwazi Mditshwa okwisikhokhelo kumbutho we Sadtu nongumbutho wotitshala.

Umasipala wase Dr Ab Xuma usoloko ewaxgasa amasebe nokuba aza nantonina. OnguSodolophu u Siyabulela Zanqga ubanqwenelele okuhle bonke otitshala abayotya umhlala phantsi esithi bangayeki ukuncedisa xabebizwa kwizikolo kuba umcelimngeni wokushokoxeka kotitshala usekhona.

Uyalele namanye amasebe ukuba azeke mzekweni awenze umbulelo xa sube kukho abo bayophumla emva kwentsebenzo. Umbutho we Sadtu uthe wenza umbulelo nakwabo baluxhasileyo olusuku.