Arts & CultureLocalNews

“Akukho mkhwetha ozobhubha”-COGTA 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Kapa

Isebe leNtsebenziswano yoRhulumento kunye neMicimbi yezeMveli eMpuma Kapa (COGTA) lingqinile ukuba liqweba amaqhinga okuqinisekisa ukuba kulonyaka akukho namnye umkhwetha oswelekayo ngexesha lolwaluko lasehlotyeni.Eli sebe lizakuqeqesha amakhankatha kunye nabancedisi abangapha ko-400 ekuncediseni ukugcina isiko lakwaNtu.UMphathiswa weli sebe ephondweni uZolile Williams ugxininisile ukuba amakhankatha adinga nje ukugxila kundoqo,enye nenye bangayihoyi ukuze kungabikho mphefumlo ulahlekayo. “Sizimisele ukuqinisekisa ukuba isidima solwaluko sibuyela kundalashe kwiphondo lethu,”kutsho uWilliams.Kulindeleke ukuba ixesha lolwaluko lasehlotynei livulwe kungentsuku zatywala.