CommunityNews

Baziva bengonwabanga abaqhuba amashishini eNgcobo

Umphathiswa wesebe Lezophuhliso loluntu Obekekileyo uBukiwe Fanta ebetyelele eGubenxa  kwikhaya lexhoba uNosivuyise Fihla nelithe ladutyulwa kwi container ebeliphekela kuyo edolophin eNgcobo. Imeko emasikizi kwikhaya losisi ebezamela ukuba abantwana bakhe balale betyile.Usisi uthe wadutyulelwa kanye kwindawo le emini ilanga lithe nka.Umphathiswa uFanta uzikhalimele iziganeko ezikumila kunje esithi izinto ezenzeka eNgcobo ziyakhwanqisa.Bekungentsuku zatywala umfana obexelenga kwisibhedlele sase Allsaints ethe wabulawa ngokumasikizi yintombi ebencuma nayo.Esi sesinye izithwakumbe  athe uMphathiswa  u Fanta wazikhuza kanobom.Onontlalontle bebeyinxalenye yotyelelo luka Mphathiswa ukuyothambisa intliziyo zezihlobo nezalamane.Umasipala wase Dr Ab Xuma wothuke  kakhulu sesisenzo kuba usisi lona icontainer le ibime phambi kwamasango akwamasipala.USodolophu womasipala uZangqa Siyabulela uzikhalimele iziganeko ezinje esithi noko abantu mabakhe babuye ngeneno ,udlame lwehle ebantwini,sithi ngxa kusapho nezalamane.Ityala livuliwe emapoliseni ukukhangela onqevu abathe baphalaza eligazi. 

Umfanekiso:Umphathiswa uFanta eGubenxa kumzi wexhoba elidutyulwe ngokumasikizi.