Ogqwesileyo kwiziphumo zeMatriki ubalisa intlungu yakhe
30 EyoMqungu (Jan) 2025 – 12 EyoMbumba (Feb) 2025
Intatheli: Monwabisi Khininda
Umfundi ogqwesileyo kuzwelonke kwiziphumo zemviwo zeMatriki zonyaka ophelileyo uthi imeko embi akhulele kuyo ayikhange ibengumqobo kwimpumelelo yakhe koko imenze wazimisela nangakumbi. USinethemba Gangatha (19) yinzalelwana yelali iMabhanqana eMbizana eMpuma KapaUbengumfundi wesinala iNcura Senior Secondary School.
Phakathi kwemicelimingeni ajongene nayo yeyesazizi sakhe (id) esibhalwe ukuba uyintombazana endaweni yenkwenkwe. Ekhayeni lakhe akukho mbane basebenzisa iSolar kwaye bahlala kwindlu emagumbi amabini belusapho olunamalungu asixhenxe.
Ubalisa enjenje:- “Umama ebetheza iinkuni athengise ukuze sithenge umakufaniselwane wesikolo. Loo nto indikhuthazile ukuba ndisebenze ngokuzimisela ndingapheli amandla. Iimeko zamakhaya azifani kwaye sujonga ukuba unantoni,usuka phi,suzifanisa nomnye.” Uthe unomnqweno wokwenza izifundo zobuGqirha kodwa umqobo usifake kade isicelo ngenxa yemali.Uthi iphupha lakhe kukwakhela umama wakhe indlu abathengele nokutya bazophuma ebugxwayibeni.
USinethemba Gangatha uthe:- “Ndinqwenela isebe leZekhaya (Home Affairs) ligxabha-gxabhise ukulungisa isazizi sam ndizoqhuba nezifundo eDyunivesithi. Ndicebisa abafundi bazimisele kwizifundo zabo bangatyhafi.”
