‘Kufezeka iphupha lam
Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo
Umasipala wase Dr AB Xuma uthe wanikeza ngezixhobo zokusebenza ukuncedisa intwazana eselula ukuphuhlisa ishishini layo uAmyoli Khweba wase Fama eNgcobo. Lentwazana nenamashumi amabini anesihlanu eminyaka ubudala wenza amakhandlela okukhanyisa. Ishishini lika Amyoli liqale njengephupha ebengazange acinge lingafezeka xakunamhlanje. Isicelo asenze kumasipala sibangele abe namhlanje unezixhobo zokukhulisa oko akwenzayo.

Amyoli uthi uyabulela kakhulu ngenxaso ayinikwe ngumasipala kuba oku akwenzayo ukuqale kancinci njengoba namhlanje sele ekwazi nokwenzela abantu amakhandlela, esithi ngekhe abaphoxe abo bathe bamnika inxaso kuba ujonge ukuya phambili. Amyoli wase Fama ukhuthaze wonke umntu onephupha nelingekafezeki ukuba makaqalise ingakumbi kubantu abatsha.Umasipala inxaso athi ayikhuphe yileyo yokukuxhasa kwinto osele uyiqalile ukuyenza.
Osuka kwi Ofisi nejongene nokuncedisana noluntu kushishino kumasipala iDr AB Xuma uCllr uNomsa Dayisi uchaza esithi intwazana lena bayixhase kuba yayifake isicelo.“ Usichukumisile u Amyoli kuba ishishini lakhe sele liqhuba kwaye uliqale ngaphandle kokuxhaswa kungoko sibone ukuba masenze ukuze likhule kakhulu, sifuna ukutsho ebantwini nokuba wenza eyiphi into masiyibone, kungoko bekwazile umnikeza oko ebekucelile kuba ishishini lakhe liyaqhuba, sikhuthaza nabo basajonge ukuxhaswa ukuba mabaye kwi ofisi zethu izicelo phaya siyazamnkela,” utshilo uCllr Dayisi. Umasipala sele eliqhuba kakhulu iphulo lokuxhasa osomashishini abasakhulayo.



