LocalNewsSocial Development

Kuphuhliswa ukhenketho eMalahleni 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Komani

Usodolophu womasiplala wase Emalahleni uKhansila Ntombizanele Koni uthi uHambo lokusela umoya (Hiking) obelusenziwa kulomasipala lubeyimpumelelo nalapho injongo ephambili ibikukukhweba uluntu kwicandelo lezokhenketho kulomasipala. Bebebaninzi abantu abebeyinxalenye yoluhambo oluqale ngeCampaign eQueen Nonesi Cultural Village. Bambi bebesuka eMnquma Hikers, Komani Hikers noluntu gabalala nalapho oluhambo beluqala eQueen Nonesi lusingise eGlen Grey Waterfalls.

UKoni uthi kubalulekile ukuba abantu bazi ukuba lomasipala uneendawo ezintle nalapho iintsapho zingatyelela ezindawo kwaye noVolksvagen ebeyinxalenye yaleHiking. UYonela Sonjica onguSihlalo weEastern Cape Explorers nosuka eNgqamakwe uthi baliqela elisoloko lijikeleza kweli, kwaye ayilotyeli lakhe lokuqala ukuza kwiHiking yaseMalahleni. Uthi oku ikwayinxalenye yezemidlalo noxa kungekho amakhabathiso okuba ngubani okwisigaba sokuqala. USonjica uthi ebehamba nabantu abanye babo bebesuka eDutywa naseMonti.

UNolukholo Tau olilungu leKomani Hiking Club uthi naye ebeyinxalenye yaleHiking nothi kubamnandi ukuba yinxalenye yehiking kuba ikunika ithuba lokunxulumana nendalo. Ukwathi kuhle nokubona ezinye ihiking groups nalapho badla ngokuya kuBozwana nakooQwempe.