Kudlwengulwe kwaze kwabulawa unogada eBityi
Intatheli: Monwabisi Khininda | Bityi
Amapolisa afumene umzimba womnye unogada oneminyaka engama-28 ubudala unamanxeba wembumbulu entloko, ngelixa omnye unogada ekuqikelelwa ukuba uneminyaka eyi-48 esafumana unyango esibhedlele.
Kukho umbuzo onentsolo malunga nendima yomnye unogada oyindoda owayekhona ngexesha kwakusenzeka esi sehlo ukuba kutheni engazange achaze ingxaki abajongene nayo kwangethuba, nanjengoko esi sehlo wasichaza ekuseni kubaphathi beklinikhi nakwinkampani yokhuseleko ngento eyenzeke ngentsimbi yeshumi elinanye ezinzulwini zobusuku.

