Crime & SafetyLocalNews

Ude wafumaneka umqhubi wesigadla sengozi

14 EyeNkanga 2024 – 27 EyeNkanga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

Ubanjwe  ngamapolisa umqhubi wesigadla esibandakanyeka kwingozi ayasuba imiphefumlo yabantu abasixhenxe, kwalimala abasibhozo  kumajiko-jiko entaba yaseMthentu ngaseMthatha, kutsha nje. Lo mqhubi wababeleka abasicatyana emva kwalengozi netekisi ebimumathe abakhweli.

Ngelixesha abalekayo washiya inyambalala yabantu imbinambineka ziintlungu zomonzakalo. Kwiveki esisuka kuyo uye wanqakulwa wavalelwa kwisikhululo samapolisa saseBityi. Le ndoda yeyelizwe laseZimbabwe.