LocalNewsSports

U “Hawk” Makepula usinde kumlilo “kaSathana”

Intatheli: Monwabisi Khininda |

“Andazi nokuba ndingayiqala ngaphi yonke le nto, kodwa into endinokuyenza kukudumisa elika ABBA YAHUAH wam! Ndibulele ku-SONINI- NANINI ngelokuba ndikwazile ukubhungca kule moto ebivutha amadangatye,” la ngamazwi kaMfundisi Masibulele “Hawk” Makepula owayefudula eyintshatsheli yezamanqindi ehlabathini. UMakepula oyinzalelwana yaseMdantsane unguMfundisi kwibandla iRising Generation Church (RGC) eMdantsane, eMonti.

Esi siganeko sokusinda emlilweni senzeke ngobusuku bangeCawe ngethuba uMfundisi lo eqhuba imoto yakhe yohlobo lweMercedes Benz C-Class kuhola wendlela u-N2 ophuma edolophini eMonti usiya eMdantsane. Imoto le khange ingqubane nesinye isithuthi, isuke yacima, uMakepula waphuma ekhangela umonakalo. Ngoko nangoko, suke yadubula kwavela amadangatye omlilo aye ayigubungela ngokungathi kudubule isiqhushumbisi. “Jonga Makepula mfanakithi, akazukwenza nto uSathana.

Akho nagqwirha linamandla wakho.Kudala watsho ukuba awuhambi wedwa, ubungena ngalo ngoma eringini yamanqindi.Ubumnyola esweni uSathana mfanakithi, kodwa uzembule uYehova. Nakuya awutshiswa mililo yeDark Forces wena ungokaThixo.Usathana akanamandla, unamaqhinga!” kutsho umlandeli kaMakepula kumakhasi onxibelelwano. Owona nobangela walo mlilo awukachazwa, kusaphandwa kwaye naye uMakepula akakacacisi ncam ukuba kwenzeke ntoni, ume ngelokuba yena usindiswe yinkolo yakhe.