Udlwengulwe waze wabulawa ngokungenalusini uHlobokazi Vusiwe
Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Flagstaff
Ubesuka kwikhaya lakhe eFlagstaff ebuyela apho aphangela khona eLusikisiki uNkszn Hlobokazi Vusiwe.
Amapolisa kwidolophu yaseLusikisiki afumene umzimba kaNkszn Hlobokazi Vusiwe unemikrwelo yokukhanywa nokukrwitshwa intamo kukwakho nee’condoms’ esezisebenzile ecaleni komzimba wakhe. Oku kwenzeke kude kufuphi nedolophu yaseLusikisiki. Ikhaya likaVusiwe limngqine njengomntwana obengahambi izinto zeziyolo kwaye akazange wahamba into engaziwayo likhaya, ubengumntwana ohamba icawe kuphela.
Ukanti usapho lumemelela ubulungisa obukhawulezileyo malunga nesisehlo lisithi ukuba umthetho uzimisele ukugxabhagxabhisa ekukhangeleni abenzi bobubi bangasebenzisa ukuhlola ii ‘Condoms’ kuphando oluquka iDNA. Lucela nabahlali kunye noMzantsi Afrika uphela uncedisane nomthetho ukuze bafumaneke ngokukhawuleza abenzi bobubi.


