Crime & SafetyLocalNews

Abasebenzi baqhankqalazela imivuzo 

Intatheli: Monwabisi Khininda

Amalungu angama-145 eBuilding Wood and Allied Workers Union of South Africa (BWAWUSA) aqalise uqhankqalazo olusemethethweni ngoLwesihlanu, ngokuchasana neTyekana Protection and Cleaning ngenxa yokungahlawulwa kwemivuzo kwiinyanga ezintathu ezidluleyo kunye notshintsho olwenziwe yinkamapani kumhla womrholo ngaphandle kokubonisana nabasebenzi. Abasebenzi abasebenza eDordrecht, Indwe, Elliot, Cala naseLady Frere bathi imivuzo yabo ayikhange ihlawulwe ixesha elide, kwaye imizamo yokulungisa le ngxaki iqale ngoJuni kodwa ayinanzwanga lonto.

UNobhala jikelele we-BWAWUSA uClarence Mtyenele uthi uninzi lwabasebenzi lujongene nobunzima obukhulu-abanye bakhutshelwe ngaphandle ezindlini abebeqeshe kuzo kwaye ezinye iipolisi zomasingcwabane ziphelelwe lixesha ngenxa yokungabikho kwemali. Lo mbutho uthi uTyekana utyhola umasipala waseChris Hani ngokumtyala imali esusela ku-Epreli 2025, nto leyo ebangele ukulibaziseka kokuhlawulwa kwemivuzo.

Ngokwengxelo u-CCMA uvumile ukuba uqhankqalazo luqhubeke emva kokufumanisa ukuba inkampani itshintshe imiqathango yomsebenzi ngokungekho mthethweni. Umbutho uthi uzame ukufikelela kuMasipala ngemfonomfono kunye nemiyalezo kaWhatsApp kodwa akazange aphendule. UMtyenele utyhola uMasipala ngokungahlawuli ababoneleli ngeenkonzo esithi abasebenzi bafuna nje imivuzo yabo. Uqhankqalazo luza kuqhubeka de abasebenzi bahlawulwe ngokupheleleyo.