UInterCape unyanzelisa iimpendulo emapoliseni
25 EyeKhala (July) 2024 – 31 EyeKhala (July) 2024 – Monwabisi Khininda
Makhanda
Abalawuli benkampani yebhasi ezihamba imigama emide u-InterCape banyanzelisa ukuba amapolisa ayophendula epalamente ukuba kutheni engade eze neqhinga lokulwa ukuhlaselwa kwabakhweli nabasebenzi bale nkamapani. Oku kulandela ukuphumelela kukaInterCape kwisimangalo abesifake kwinkundla ePhakamileyo eMakhanda kutsha nje.
Le Nkundla ichithe isicelo ebesifakwe ngeMphathiswa weZothutho uXolile Nqatha, isebe leZamapolisa neKomishinala yamaPolisa kuzwelonke sokufaka isibheno kwisigwebo senkundla.Isigwebo sasisithi onke lamacandelo mawenze icebo lokukhuselwa kwezi bhasi kubahlaseli. Nanjengoko belahliwe lityala bazakuhlawula iindleko zenkundla.
UJohann Ferreira oyi-CEO yakwa InterCape uthi: “Ngoku njengokuba belahlwe nayinkundla kuyanyanzeleka beze necebo. Ngomhla we-21 kuAgasti sizobe sisepalamante siphambi kwekomiti yamapolisa sifuna esi sicwangciso. Kufuneka baqale bachazele ipalamente ukuba kutheni bengezi nezicwangciso baze bathathe amanyathelo.”


