Uvele enkundleni osolwa ngokubulala eLusikisiki
16 EyoMqungu 2025 – 29 EyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Umrhanelwa wesibhozo kubarhanelwa abanxulunyaniswa nendyikityha yokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo kwilali yaseNgobozana eLusikisiki ngomhla we-28 kwinyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo uvele enkundleni yamatyala kwiveki ephelileyo.
USongezo Vuma (20) uvele enkundleni eLusikisiki kulandela ukubanjwa kwakhe ngeCawa eQonce ngethuba ekwibhasi ebisingise eKapa, eNtshona Koloni. Ingxelo ekhutshwe liGunyabantu loTshutshiso (NPA) idize ukuba lo nqalintloko uVuma ukhethe ukusilaxaza isicelo sebheyile. Ityala lidluliselwe kwinkundla yesigqeba kwalapha eLusikisiki de ibengumhla we-17 kuFebuwari walonyaka, apho azodibana khona nabanye abarhanelwa abasixhenxe.
Abanye abarhanelwa nguSiphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe “AP” Ndende (25), Lwando Antony Abi (33), Bonga Hintsa (31), Zenande Paya (38) noMawethu Nomdlembu (36). Bebonke zange basifake isicelo sebheyile. Bajongene namatyala okubulala alishumi nesibhozo, ukufunyanwa nemipu engekho mthethweni neembumbulu. UPaya kunye Nomdlwembu babanjwa eFlagstaff ngomhla we-17 Oktobha 2024 apho bafunyanwa nemipu emine eluhlobo lweRifle neembumbulu. Kutyholwa ukuba lemipu yafuduselwa apho emva kokubulawa kwamaxhoba eNgobozana. UNdende noHintsa babanjwa ePort Shepstone logama uAbi wabanjwa eMonti. Ukunati uMyekethe wabanjwa ekhayeni lakhe kwilali iMthimde eMamfengwini eLusikisiki.
