BusinessCrime & SafetyLocalNews

UMphathiswa ukhalima ukuhlaselwa kweebhasi 

Intatheli: Monwabisi Khininda

UMphathiswa wesebe lezoThuto eMpuma Kapa uXolile Nqatha uwukhalimele umkhwa wokuhlaselwa kweebhasi zikawonke-wonke zikaAfrica’s Best 350 LTD (AB 350) ezithutha abantu ezilalini. Oku kuza emveni kokuba ngomhla we 10 kweyeNkanga kulo umiyo kuhlaselwe enye yezibhasi eNtabankulu, kwanyanzeliswa ukuba bonke abakhweli behlike bangabisaya kwindawo abebecebe ukuya kuzo. Kwiveki ezimbini ezigqithileyo enye ibhasi yakwa-AB350 idutyulwe kuCentane kwaphindwa kwatshiswa ibhasi nakuCofimvaba.

UNqatha uthethe wenjenje: “Oluhlaselo luqhubekayo ayilohlaselo nje kodwa luhlaselo oluchaphazela nokhuseleko lwabakhweli abamsulwa abaxhomekeke kwezi nkonzo ukuze baye emisebenzini, ezikolweni, nakwii ndawo ezibalulekileyo.”Ukongeza uNqatha uyigxininisile into yokuba wonke umntu unelungelo lokukhetha nokusebenzisa uhlobo lwezothutho akholiswa lulo. “Olu hlaselo lubonakala ingathi linxulumene nophikiswano olungenabungqina phakathi kwabaqhubi beetekisi, abaqhubi bebhaki (onoveni) kunye neenkonzo zeebhasi,nanjengoko abantu abaninzi bezofuna ukukhwela iibhasi xa besiya edolophini njengokuba kusondele iholide zokuphela konyaka.

“Asinakukuvumela ukuba ezi zenzo zokungahambi ngomthetho ziqhubeke zingahoywa.Isebe lisebenza ngokusondeleneneyo nabasemagunyeni abanyanzelisa ukuthotyelwa komthetho ukuqinisekisa ukuba abakhweli bayatyholwa nokuba uluntu lwethu lungahamba lukhuselekile,iibhasi zothutho lukawonke-wonke lujongwe ukuba lumanye kwaye lukhonze abantu bethu hayi ukuba lusetyenziswe njengebala lemfazwe,” utshilo uNqatha.