Izibazana libhinqisiwe.
Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein
Kukwangosuku olunye apho amazibazana ebebhinqiswa. Esimbona apha nguNkszn Nompumelelo Mfulathelwa onguMambhlele ke yena noyinzalelwane yaphaya eSterkspruit.
UNkszn Mfulathelwa uhlala eNyanga eNtshonakoloni, kulapho bekubanjwe nakuye ngamakhosikazi umsitho wokubhinqiswa kwakhe ngenjongo zokuhlangabezana neendleko zomsebenzi wokwalusa unyana wakhe.
Ubulela kakhulu kumakhosikazi athe amxhasa kulombhinqiso. Utsho esithi, ” ukuba amakhosikazi ebambisene, ethetha ngazwi linye futhi exhasana, akukho okuyakuwoyisa ekufezekiseni amaphupha awo, kwaye neengxaki zokuphatheka gadalala angakwazi ukuzoyisa.Â
Ndibulela kakhulu makhosikazi, ngaphandle kwenu bendingayikuyinyuka lentaba endijongene nayo yokwalusa nanjengoko iindleko zokwalusa kwaneenkqubo zemigidi ziphezulu”.


