AgricultureBusiness

Besilimele Kakhulu Singamafama Egusha

Amafama emfuyo awekhala isijwili ngenxa yokutsha kwamadlelo, nto leyo ebangele ukuba ezinye igusha zife, athe abuyekwe. La mafama azinze kwilali zedolophu yaseNgcobo phantsi koMasipala iDr. AB Xuma.

Ukutshiswa kwamadlelo ngabantu abangaziwayo kubangele umcelimngeni omkhulu kumafama, nto leyo ebangele ukuba bambanguze behamba becela amancedo. Umasipala ukhe wawanceda amafama, ingakumbi lawo anegusha zoboya, abonelelwa.

I-Foundation ebizwa ngokuba yiUbuntu, ibambisene noMasipala, ithe yawancedisa lamafama ngokuwanika igusha. Abo bathe baxhamla ngazo babetshelwe, ezinye zifa ngenxa yemililo nokulamba. I-Foundation lena iwenzile umahluko omkhulu, ingakumbi kutata owathi walahlekelwa ziigusha zakhe ezingaphezulu kwamashumi amahlanu, ebengawuvali umlomo luvuyo lokuxhaswa.

Utata uZimele Msinga, wakwilali yaseGqaga, wathi walixhoba xa igusha zakhe zatshiswa, kungazange kuvele kubekho umntu othatyathwe uxanduva lomlilo. Uthe umthetho wokutshiswa kwamadlelo kufuneka ujongwe kakhulu kuba uyabalimaza. Nangona kunjalo, kukho abo baye baqhubeka nokutshisa amadlelo ngamaxesha athile, benqwenela ukuba into leyo ihlelwe ngononophelo.

Ngethuba kunikezwa ngezigusha, abo bafumeneyo bazithathe benyembezi zovuyo. I-Foundation lena izimisele ukuncedisana nabo basweleyo.

“Sibone masiwenze umahluko, nangona kungekho ingako esiza nayo, kodwa sifuna ukuxhasa ootata bethu kuba imfuyo le yeyona nto bajonge kuyo. Sifuna neNkosi zingayekeleli konakaliswe kangaka. Sifuna nazo zincedise kwixesha elizayo ukuze kungonakali kangaka,” utshilo uAce Ngcobo.

Umasipala ukhuthaze wonke umntu ukuba into enemfuyo ihlonitshwe kuba yigolide yabantu basezilalini, abaphila ngayo.