CommunityLocalNews

Isebe lezeMfundo linikezele ngezindlu zangasese kwizikolo ezisixhenxe

24 August 2024 – Monwabisi Khininda

ELIBODE

UMphathiswa wesebe lezeMfundo kwiphondo leMpuma Kapa uFundile Gade unikezele ngokusesikweni ngezindlu zangasese ezikudidi oluphezulu kwisikolo samabanga aphantsi iMarhubeni Senior Primary nakwezinye izikolo. UGade ukwenze oku kwiveki ephelileyo ngoncedo lwenkampani yemigodi iSibanye Stillwater ebinze ngesixa-mali esiyi R16 yezigidi eyokhe ngayo ezi zindlu zangasese zezikolo ezisixhenxe eziphantsi komasipala iNyandeni Local Municipality.

UMphathiswa uGade uthethe wathi: “Kwizikolo eziliwaka namakhulu amahlanu (1500) zeliphondo leMpuma Kapa ebesingekazakhi izindlu zangasese ngenxa yengxinano kungoku nje sishiyekelwe zizikolo ezingamakhulu amabini (200), kwaye nazo uzophela lo nyaka-mali sesizigqibile zixhamlile kulo nkqubo yeSaniteryAppropriate for Education zonke izikolo.”

Abafundi besikolo samabanga aphansti iMarhubeni Senior Primary School bebengawuvali umlomo bevuyela ukuba nezindlu zangasese bechaza ngelithi bebefudulu besebenzisa izindlu zangasese ebezibubeka emngciphekweni ubomi babo, nabathe kamva basebenzisa ithafa ukuyozikhulula bezimela ngezicithi zengca besemngciphekweni wokulunywa ziinyoka.

Kwelinye icala uNkosi Zanozuko Noma-Afrika Singatha welali yaseNgcolorha eyilali enesikolo esixhamlileyo kulenkqubo yokwakhelwa izindlu zangasese uthe: “Ndifuna ukuyaleza uluntu ukuba maze lungazonakalisi ezi zindlu zangasese kwaye luzigade, babakhalimele abantu abazonakalisayo.” UNobubele Mdyarho udize ukuba bengabazali bazoloko bezibeke esweni ezi zindlu zangasese ukuze kungabikho mntu uzonakalisayo.Unikezelo luqhutywe nguMphathiswa uGade kunye noSodolophu waseNyandeni uKhansela Viwe Ndamase.