LocalNewsPolitics

Uthethe nabantu uAce Magashule

Intatheli: Yonela Mpaka | Mpuma Koloni

Inkokheli yombutho we Act(African Congress for Transformation u Ace Magashule unyathele kwiPhondo leMpuma Koloni. Omasipala abahlanu ekuquka kubo iNtsikayethu kwakunye ne Dr AB Xuma babenethamsanqa lokuba oka Magashule atyelele. Injongo zolutyelelo kukudibanisa intloko nabantu bokuhlala kwakunye nosomashishini.

Usekela President walo mbutho u Benni Ntlemeza ebeyinxalenye yolutyelelo kuquka amalungu aphezulu kulombutho. Kumasipala iNtsikayethu bathe banikeza ngokutya kwenye yeshedi  ukuncedisana namafama nanjengoko bekwiphulo lokucheba igusha zabo,baphinde banikeza ngebhola kubantu abatsha ukubakhuthaza ukuba mabaye emabaleni baphume kwiziyobisi.Inkokheli yalombutho u Ace Magashule uthi baze ebantwini ngenxa yokubona intlungu abaphila phantsi kwayo yokunqatyelwa ziziseko ezingundoqo.

“Singenile komasipala sisiya ebantwini kuninzi kakhulu okusafuneka kuqwalaselwe kuba sibonile ingxaki zamanzi angekhoyo, izindlu ezingekho semgangathweni abantu abahlala kuzo,ukubulawa kwabantu kokona kuhamba phambili, sizothi ebantwini ukhona umbutho we Act, sibonile sivile,” utshilo uAce Magashule we Act nongu President. Nanjengoko bengenele ezitratweni bakhona abo bathe bazimanya nalombutho belahla kweminye ebebekuyo nabavakalise ukuba barhalela kuqwalaselwe ukungqophala kwemisebenzi.

U-Likho Mkhona uthi lombutho bafuna uwunika ithuba kunyaka ozayo kuba kwindawo zabo bagcakamela ilanga abasebenzi kunzima kakhulu. Igqiza lalombutho lithathe intsuku ezimbini kumasipala ngamnye kwabo bafike kwisihlanu. Abantu asele bekhulile babonakalise ukukholelwa kumbutho lo besethembeni lokuba ungazijika izinto ukuba unganikwa ithuba lokulawula.