Ayikafunyanwa intwazana eyabulawa eNgcobo
Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo
Umasipala wase Dr AB Xuma ububambe usuku lomthandazo kwiholo lase Masonwabe eNgcobo. Amabandla ohlukeneyo kwakunye namasebe karhulumente kwa nalowo angekho phantsi korhulumente ebeyinxalenye yalomthandazo.Izixholoxholo, ukubulawa kwabantu ngokungenalusini, ukusetyenziswa kweziyobisi ngokugqithisileyo, kwakunye nomlo wamakhwenkwe zezonanto bekugxilwe phezu kwazo kulomthandazo.

Isithwakumbe sentwazana neyathi yanyamalala nengekafumaneki sesona sizekabani salomthandazo. Omama nesifundisi siphela bacele kophezulu ukuba mazikhe zime izixholoxholo ezingxamele ukuxaka kwidolophu lena. Osuka kumasipala iDr AB Xuma uSomlomo uMandilakhe Kondile uthi babone mabakhe bahlabe ikhwelo kuba lento iqhubekayo eNgcobo nabo besisikhokhelo iyabaphazamisa kuba ukubulawa kwabantu nokuthe gqolo ukwenzeka kwenza abantu boyike ngeNgcobo.

”Sihlaba ikhwelo kwabo bathi bathatha intwazana uLinamandla, bambuyise kuba uyadingeka kusapho lwakho, siyacela lento ye GBV ingase ikhe yehlele ngezantsi abenzi bobubi zifike izazela, simemelela namanye amasebe asincedise sizinzise ukuhlala,” utshilo uKondile noNguSomlomo womasipala iDr AB Xuma.

Ibhunga letyalike kwa nombutho wo Moral regeneration movement usabele kwikhwelo. UBhishop Mandila Vumile we MRM uthi bathandaza kuba bayabona izinto zinzima kakhulu ngoku,ekwathi kubantu base Ngcobo uyacela mabakhathalelane, bathandane kulawule uxolo kwindawo abahlala kuzo. Abombutho we Man as Partners bakhuthaze ukuba makuyekwe ukuhlukumezwa omama kwakunye nabantwana.



