Baxhotyisiwe ngesifo ugawulayo eNgcobo
Yonela Mpaka | Ngcobo
Ibandla lase Tshetshi phantsi kwe Diosis of uMbhashe libambisene ne ofisi yakwa special programmes unit eNgcobo belibambe usuku lukoxhobisa abantu ngesifo ugawulayo. Amasebe karhulumente kwanalawo angekho phantsi kukarhulumente ebeyinxalenye yolusuku. Oku kuza emva kokuba uzwelonke ebebhiyoza ngomhla wokuqala ku Disemba. Abe ofisi ye Man as Parterners nejolise ekuxhobiseni amadoda iye yamelwa. Owakwa programmes unit kwicala le Hiv And Aids uNobuhle Maninjwa uthi banomceli mngeni wabantu abatsha abangazihoyanga nabafumana usuleleko ngokumangalisayo.

“Siyacela abantu bazihoye kuba esisifo asibulali koko siyanyangeka, simelelela kwabo bangekasifuman ukuba baqiniseke kumachiza okuzikhusela,sisithi nathi sivulile kwi ofisi zethu xa umntu efuna ingcebiso,” utshilo uManinjwa. Abantu abatsha bazize lukhulu ngolusuku. Ongumfundi kwisikolo sase King Sabatha Dalindyebo nolitsha Ntliziyo lesifo ugawulayo u Ayakha Mbulawa nengelogama lakhe lokwenyani uthi ukufumana ingcebiso ezimandla kubancedisa kakhulu kuba ukuphila nesifo esi akukho lula ingakumbi kulowo kunzima ukuba makasamnkele, ekhuthaza abo bangekabinaso ukuba bazikhathalele ngamaxesha onke. Inkokheli zokuhlala beziyinxalenye yalomsitho.

Ongu Bhishop u Siyabulela Siyo uthi abantu abatsha mabaqaphele kuba lobhubhane ujonge kubo ikakhulu, ebacebisa ukuba bakhe bazikhwebe ekusebenziseni utywala. Isebe lezempilo nalo lithe laqhuba ukuvavanya abantu.


